Yiya kwinkcazelo

AGASTI 3, 2017
EINDIYA

Izikhukula EIndiya

Izikhukula EIndiya

Umoya obhudla ngamandla ubangele ukubaneka nemvula enkulu kwiindawo ezithile eIndiya ibe iingcali zithi le yeyona mvula inkulu kule minyaka ingaphezu kweyi-100 idlulileyo. Iindawo ezininzi zifunyenwe zezi zikhukula ibe ngenxa yaloo nto kusweleke abantu abayi-700 baza abaninzi basiwa kwezinye iindawo.

Ukususela ngoJulayi 31, 2017, kuthwe akukho maNgqina KaYehova onzakeleyo okanye angeniswe esibhedlele ngenxa yezi zikhukula. Sekunjalo, izindlu zeentsapho ezintathu ziye zakhukuliseka kodwa azonakalanga kakhulu. Amabandla amaNgqina KaYehova aseIndiya anceda amaNgqina alapho ngezinto eziyimfuneko.

Onokuqhagamshelana Nabo:

Ehlabathini: UDavid A. Semonian, Office of Public Information, +1-845-524-3000

EIndiya: UTobias Dias, +91-9845476425