Yiya kwinkcazelo

Ngubani Okanye Yintoni Ilizwi LikaThixo?

Ngubani Okanye Yintoni Ilizwi LikaThixo?

Impendulo esuka eBhayibhileni

Ibinzana elithi “ilizwi likaThixo” lidla ngokubhekisela kumyalezo okanye imiyalezo kaThixo. (Luka 11:28) Kwiivesi ezithile zeBhayibhile, xa kuthethwa ngomntu kuthiwa “nguLizwi likaThixo” okanye ‘nguLizwi.’​—ISityhilelo 19:13; Yohane 1:14.

Umyalezo kaThixo. Abaprofeti babedla ngokuthi imiyalezo ababeyichaza yayililizwi likaThixo. Ngokomzekelo, xa uYeremiya eprofeta wayeqala ngokuthi “kwafika ilizwi likaYehova kum.” (Yeremiya 1:4, 11, 13; 2:1) Xa wayeza kuxelela uSawule ukuba uThixo ukhethe yena ukuba abe ngukumkani, umprofeti uSamuweli wathi: “Yima ngxi ukuze ndikuvise ilizwi likaThixo.”​—1 Samuweli 9:27.

Igama lomntu. Xa ithetha ngoYesu Kristu ngoxa ekumzimba womoya ezulwini naxa wayelapha emhlabeni, iBhayibhile ithi ‘nguLizwi.’ Nazi izizathu ezibangela ukuba itsho:

  • ULizwi wayephila ngaphambi kokubakho kwayo yonke indalo. “Ekuqaleni wayekho uLizwi. . . Ekuqaleni yena wayekunye noThixo.” (Yohane 1:1, 2) UYesu ‘ulizibulo kwindalo yonke; ungaphambi kwazo zonke ezinye izinto.’​—Kolose 1:13-15, 17.

  • ULizwi weza emhlabeni engumntu. “ULizwi waba yinyama waza wahlala phakathi kwethu.” (Yohane 1:14) UKristu Yesu “waziqongqotha waza wathabatha ubume bekhoboka, wafana nabantu.”​—Filipi 2:5-7.

  • ULizwi nguNyana kaThixo. Emva kokuba ethe “uLizwi waba yinyama,” njengokuba kuchazwe ngasentla, umpostile uYohane wathi: “Salubona uzuko lwakhe, uzuko olunjengolo lonyana okuphela kozelweyo nguyise.” (Yohane 1:14) UYohane waphinda wathi: ‘UYesu nguNyana kaThixo.”​—1 Yohane 4:15.

  • ULizwi uneempawu ezifana nezikaThixo. “ULizwi wayenguthixo.” (Yohane 1:1) UYesu “uyimbonakaliso yozuko lwakhe [uThixo] nembonakaliso yoko kanye akuko.”​—Hebhere 1:2, 3.

  • ULizwi ngukumkani. IBhayibhile ithi kwintloko kaLizwi likaThixo kukho ‘izithsaba ezininzi.’ (ISityhilelo 19:12, 13) ULizwi ukwabizwa ngokuthi ‘nguKumkani wookumkani neNkosi yeenkosi.’ (ISityhilelo 19:16) NoYesu ubizwa ngendlela efanayo.​—1 Timoti 6:14, 15.

  • ULizwi sisithethi sikaThixo. Igama elithi “uLizwi” kusenokwenzeka ukuba lichaza umnikazi walo ngokuthi ngulowo usetyenziswa nguThixo ukudlulisela inkcazelo okanye imiyalelo yakhe. UYesu wathi wenza kanye loo nto: “UBawo ondithumileyo undinike umyalelo mayela noko mandikuxele noko mandikuthethe. . . . Ngoko ke izinto endizithethayo, kanye njengoko uBawo endixelele zona, ndenjenjalo ukuzithetha.”​—Yohane 12:49, 50.