Yiya kwinkcazelo

Kutheni UYesu Ebizwa Ngokuba NguNyana KaThixo?

Kutheni UYesu Ebizwa Ngokuba NguNyana KaThixo?

Impendulo esuka eBhayibhileni

IBhayibhile idla ngokubiza uYesu ngokuba ‘nguNyana kaThixo.’ (Yohane 1:49) Isibizo esithi “Nyana kaThixo” singqina ukuba uThixo nguMdali, okanye nguMthombo wobomi, kuquka obukaYesu. (INdumiso 36:9; ISityhilelo 4:11) IBhayibhile ayifundisi ukuba uThixo waba nomntwana ngendlela thina bantu esiye sibe nabantwana ngayo.

IBhayibhile ibiza neengelosi ngokuba ‘ngoonyana boThixo oyinyaniso.’ (Yobhi 1:6) Iphinde ithi umntu wokuqala, uAdam, ‘wayenguNyana kaThixo.’ (Luka 3:38) Kodwa kuba uYesu wadalwa kuqala nguThixo, ibe inguye yedwa owadalwa ngokungqalileyo, iBhayibhile ithi ngoyena Nyana kaThixo ubalulekileyo.

 Ngaba uYesu wayephila ezulwini ngaphambi kokuba azalwe emhlabeni?

Ewe. UYesu wayesisidalwa esingumoya ezulwini ngaphambi kokuba azalwe njengomntu emhlabeni. UYesu watsho ngokwakhe ukuba: “Ndehla ndivela ezulwini.”​—Yohane 6:38; 8:23.

UThixo wadala uYesu ngaphambi kwayo yonke enye into. Xa ithetha ngoYesu, iBhayibhile ithi:

UYesu wasenza isithembiso sokuba ngulowo “omvelaphi yakhe isuka kumaxesha akudala, kwimihla yakudala.”​—Mika 5:2; Mateyu 2:4-6.

 Yayiyintoni imisebenzi kaYesu ngaphambi kokuba aze emhlabeni?

Wayenesikhundla esiphakame kakhulu ezulwini. UYesu wathetha ngesi sikhundla xa wayethandaza esithi: “Tata, ndizukise . . . ngozuko endandinalo ecaleni kwakho phambi kokuba ihlabathi libekho.”​—Yohane 17:5.

Wancedisa uTata wakhe ekudaleni zonke ezinye izinto. UYesu wayesebenza noThixo ‘engumsebenzi onobuchule.’ (IMizekeliso 8:30) Xa iBhayibhile ithetha ngoYesu ithi: “Kwasetyenziswa yena ukudala zonke ezinye izinto ezisezulwini nasemhlabeni.”​—Kolose 1:16.

UThixo wasebenza noYesu xa wayedala zonke ezinye izinto. Le ndalo iquka iingelosi kunye nayo yonke indalo ebonakalayo. (ISityhilelo 5:11) Ngamanye amazwi singathi ukusebenzisana kukaThixo noYesu kwakufana nomzobi weeplani osebenza kunye nomakhi wezindlu. Umzobi weeplani uyasizoba isakhiwo aze yena umakhi abeke isitena nodaka.

WayenguLizwi. Xa iBhayibhile ithetha ngoYesu ngaphambi kokuba eze emhlabeni ithi “uLizwi.” (Yohane 1:1) Le nto ibonisa ukuba uYehova wayesebenzisa unyana wakhe ukuze adlulisele ulwazi nemiyalelo kwezinye izidalwa zasezulwini.

Kubonakala ngathi uThixo wamsebenzisa uYesu njengesithethi sakhe naxa wayethetha nabantu abasemhlabeni. Kusenokwenzeka ukuba uThixo wayesebenzisa uYesu xa wayethetha noAdam noEva egadini yase-Eden. (Genesis 2:16, 17) Mhlawumbi uYesu yayinguye laa ngelosi yayikhokela amaSirayeli entlango, ngelosi leyo amaSirayeli ayemele alithobele ilizwi layo.​—Eksodus 23:20-23. a

a UThixo wayengasebenzisi uLizwi yedwa ekuthetheni nabantu. Ngokomzekelo, wayebenzisa ezinye iingelosi ukuze adlulisele umthetho wakhe kuhlanga lakwaSirayeli.​—IZenzo 7:53; Galati 3:19; Hebhere 2:2, 3.