Yiya kwinkcazelo

Ngoobani Okanye Ziintoni Iingelosi?

Ngoobani Okanye Ziintoni Iingelosi?

Impendulo esuka eBhayibhileni

Iingelosi zizidalwa ezinamandla angaphezulu lee kwawabantu. (2 Petros 2:11) Zihlala kummandla womoya ophakame kakhulu kunalo siwubonayo, ezulwini. (1 Kumkani 8:27; Yohane 6:38) Ngenxa yoko, zikwabizwa ngokuba ngoomoya.​—1 Kumkani 22:21; INdumiso 18:10.

Zivela phi iingelosi?

UThixo wasebenzisa uYesu obizwa yiBhayibhile ngokuba ‘lizibulo kwindalo yonke’ xa wayedala iingelosi. Xa ichaza indlela uThixo awasebenzisa ngayo uYesu xa wayedala, iBhayibhile ithi: “Zadalwa ngaye zonke ezinye izinto emazulwini nasemhlabeni, izinto ezibonakalayo nezinto ezingabonakaliyo,” kwaneengelosi. (Kolose 1:13-17) Iingelosi azitshati ibe azizali. (Marko 12:25) Kunoko ngamnye kwaba ‘nyana boThixo oyinyaniso,’ wadalwa nguThixo.​—Yobhi 1:6.

Iingelosi zadalwa kwakudala, ngaphambi kokuba kubekho umhlaba. Xa uThixo wadala umhlaba, iingelosi ‘zakhwaza zincoma.’​—Yobhi 38:4-7.

Zingaphi iingelosi?

IBhayibhile ayilichazi elona nani lazo, kodwa ibonisa ukuba zininzi kakhulu. Ngokomzekelo, umbono kampostile uYohane usithela thsuphe ukuba zingamakhulu ezigidi.​—ISityhilelo 5:11.

Ngaba iingelosi zinawo amagama nobuntu obufana nobethu?

Ewe. IBhayibhile ichaza amagama eengelosi ezimbini: uMikayeli noGabriyeli. (Daniyeli 12:1; Luka 1:26) a Nezinye iingelosi zavuma ukuba zinawo amagama kodwa zange ziwachaze.​—Genesis 32:29; ABagwebi 13:17, 18.

Iingelosi zinobuntu obungafaniyo. Ziyakwazi ukuncokola. (1 Korinte 13:1) Ziyakwazi ukucinga nokudumisa uThixo. (Luka 2:13, 14) Ziyakwazi nokuzikhethela phakathi kokwenza okulungileyo nokubi, njengoko ezinye zazo zakhetha ukulandela uSathana uMtyholi owayevukela uThixo.​—Mateyu 25:41; 2 Petros 2:4.

Ngaba iingelosi zinezigxina ezingafaniyo?

Ewe. Ingelosi enamandla negunya elingaphezulu kuzo zonke nguMikayeli, isiphatha-zingelosi. (Yude 9; ISityhilelo 12:7) Zona iiserafi ziingelosi ezikwesazo isigxina esiphezulu sokuba ngakwitrone kaYehova. (Isaya 6:2, 6) Ukanti isigxina seekherubhi kukwenza imisebenzi ekhethekileyo. Ngokomzekelo, emva kokugxothwa kuka-Adam noEva, iikherubhi zazigade isango legadi yase-Eden.​—Genesis 3:​23, 24.

Ngaba iingelosi ziyabanceda abantu?

Ewe. Kaloku uThixo usebenzisa zona ukuze ancede abantu namhlanje.

Ngaba mntu ngamnye unengelosi yakhe?

Nangona iingelosi ziqiniseka ukuba abantu bahlala bemkhonza uThixo, le nto ayithethi kuthi uThixo wabela ingelosi ukuba igade mkristu ngamye. b (Mateyu 18:10) Iingelosi azibakhuseli kuzo zonke izilingo neentshutshiso abakhonzi bakaThixo. IBhayibhile ibonisa ukuba uThixo “uya kwenza nendlela yokuphuma” kweso silingo ngokunika loo mntu amandla nobulumko bokusinyamezela.​—1 Korinte 10:12, 13; Yakobi 1:2-5.

Ubuxoki obuthethwayo ngeengelosi

Ubuxoki: Zonke iingelosi zilungile.

Inyani: IBhayibhile ithetha ‘ngemikhosi yoomoya abangendawo’ kunye ‘neengelosi ezonayo.’ (Efese 6:12; 2 Petros 2:4) Ezi ngelosi zingendawo ziidemon, ezalandela uSathana ekuvukeleni uThixo.

Ubuxoki: Iingelosi azifi.

Inyani: Iingelosi ezingendawo ziza kutshatyalaliswa kunye noSathana uMtyholi.​—Yude 6.

Ubuxoki: Abantu baba ziingelosi bakufa.

Inyani: Iingelosi ayingobantu bavusiweyo, zezinye zezidalwa zikaThixo. (Kolose 1:16) Abantu abavuselwa ezulwini bafumana isipho sobomi bokungafi kuThixo. (1 Korinte 15:53, 54) Baza kuba kwisigxina esingaphezu kweseengelosi.​—1 Korinte 6:3.

Ubuxoki: Iingelosi ziphilela ukunceda abantu.

Inyani: Iingelosi azithobeli thina, zithobela uThixo. (INdumiso 103:20, 21) NoYesu wayesazi ukuba umele alucele kuThixo uncedo, kungekhona kwiingelosi.​—Mateyu 26:53.

Ubuxoki: Sinokuthandazela uncedo kwiingelosi.

Inyani: Ukuthandaza kuYehova uThixo yindlela esimnqula ngayo, ibe simele sithandaze kuye kuphela. (ISityhilelo 19:10) Simele sithandaze kuye egameni likaYesu.​—Yohane 14:6.

a KuIsaya 14:12 ezinye iinguqulelo zeBhayibhile zisebenzisa igama elithi, “Lusifa” ibe abanye bathi eli gama libhekisela kwingelosi eyaba nguSathana uMtyholi. Kodwa igama lesiHebhere elisetyenzisiweyo kule vesi lithetha “okhanyayo.” Umongo ubonisa ukuba eli gama alibhekiseli kuSathana kodwa kumlawuli waseBhabhiloni owayenekratshi nowayeza kuhlazwa nguThixo. (Isaya 14:​4, 13-​20) Igama elithi “okhanyayo” yayilelokugculela abalawuli baseBhabhiloni emva kokuba ibhukuqiwe.

b Abanye bathi ingxelo engokukhululwa kukaPetros entolongweni ibonisa ukuba uPetros wayenengelosi eyayimgada. (IZenzo 12:​6-​16) Noko ke, xa abafundi babebhekisela kwingelosi kaPetros kusenokwenzeka ukuba babephazama becinga ukuba kufike ingelosi esisithunywa sikaPetros kubo kungekhona uPetros.