Yiya kwinkcazelo

Ngubani UMikayeli Isiphatha-zingelosi?

Ngubani UMikayeli Isiphatha-zingelosi?

Impendulo esuka eBhayibhileni

UMikayeli, kuyacaca ukuba ligama elanikwa uYesu ngaphambi nasemva kokuba eze emhlabeni. Ezinye iinkonzo zimbiza ngokuthi “yiNgcwele uMikayeli.” a Waye waphikisana noSathana emva kokufa kukaMoses waza wanceda nengelosi yakwazi ukudlulisela umyalelo kaThixo kumprofeti uDaniyeli. (Daniyeli 10:13, 21; Yude 9) Njengokuba igama lakhe lithetha ukuthi “Ngubani OnjengoThixo?” uMikayeli wenza kanye oko kuthethwa leli gama kuba ukhusela ulawulo lukaThixo aze alwe neentshaba zikaThixo.​—Daniyeli 12:1; ISityhilelo 12:7.

Khawucinge ngesizathu sokuba kufanelekile ukuba kuthiwe uYesu nguMikayeli osisiphatha-zingelosi.

  • UMikayeli ‘usisiphatha-zingelosi.’ (Yude 9) Igama elithi “isiphatha-zingelosi,” elithetha “inkosi yeengelosi” livela kwiivesi ezimbini qha eBhayibhileni. Kuzo zombini ezi vesi, eli gama likwisinye, into ebonisa ukuba inye kuphela ingelosi ebizwa ngalo. Enye yezi vesi ithi iNkosi evusiweyo uYesu “iya kuhla ivela ezulwini, idanduluke ngezwi lesiphatha-zingelosi.” (1 Tesalonika 4:16) UYesu ‘unelizwi lesiphatha-zingelosi,’ unguMikayeli osisiphatha-zingelosi.

  • UMikayeli uyalela umkhosi weengelosi. “UMikayeli neengelosi zakhe balwa idabi nenamba,” uSathana. (ISityhilelo 12:7) UMikayeli unegunya elikhulu ezulwini, ubizwa ngokuba ‘ngomnye weenkosana ezibalaseleyo’ nangokuthi ‘yinkosana enkulu.’ (Daniyeli 10:13, 21; 12:1) Umphengululi weTestamente Entsha uDavid E. Aune uthi xa emchaza uMikayeli, “yinkumanda yomkhosi weeNgelosi.”

    IBhayibhile ithetha ngelinye igama lomntu onegunya kumkhosi weengelosi. Ichaza ‘ngokutyhileka kweNkosi uYesu ivela ezulwini kunye neengelosi zayo ezinamandla isemlilweni odangazelayo, iphindezela.’ (2 Tesalonika 1:7, 8; Mateyu 16:27) UYesu “wemka waya ezulwini; zaza iingelosi namagunya namandla zathotyelwa phantsi kwakhe.” (1 Petros 3:21, 22) Ibingazukuvakala tu into yokuba uThixo abeke uYesu noMikayeli bakhokele iingelosi ezingcwele. Kodwa ivakala kukuhle xa igama elithi Yesu nelithi Mikayeli ebhekisela kumntu omnye.

  • UMikayeli ‘uya kusuka eme ngexesha lokubandezeleka ekungazange kubekho elinjengalo.’ (Daniyeli 12:1) Kwincwadi kaDaniyeli, igama elithi ‘ukuma’ lisoloko libhekisela kukumkani xa eyimela ngeenyawo into. (Daniyeli 11:2-4, 21) UYesu Kristu “nguLizwi likaThixo,” ibe ‘njengoKumkani wookumkani’ uza kuzitshabalalisa zonke iintshaba zikaThixo aze akhusele nabantu bakhe. (ISityhilelo 19:11-16) Le nto uza kuyenza ‘ngembandezelo enkulu ekungazange kubekho injengayo ukususela ekuqaleni kwehlabathi.’​—Mateyu 24:21, 42.

a Bakhona nabanye abantu iBhayibhile ebabiza ngamanye amagama, njengoYakobi (okwabizwa ngokuba nguSirayeli), uPetros (okwanguSimon), noTadeyu (okwanguYudas).​—Genesis 49:1, 2; Mateyu 10:2, 3; Marko 3:18; IZenzo 1:13.