Yiya kwinkcazelo

Yintoni Imbandezelo Enkulu?

Yintoni Imbandezelo Enkulu?

Impendulo esuka eBhayibhileni

Imbandezelo enkulu iza kuba lixesha lentlekele engazange yakhona ngaphambili. Ngokutsho kwesiprofeto seBhayibhile, iza kuba khona “ngemihla yokugqibela.” (2 Timoti 3:1; Daniyeli 12:4) Iza kuba ‘yimbandezelo ekungazange kubekho injengayo ukususela ekuqaleni kwendalo awayidalayo uThixo de kwalelo xesha, kwaye ayisayi kubakho kwakhona.’​—Marko 13:19; Daniyeli 12:1; Mateyu 24:21, 22.

Iziganeko eziza kwenzeka xa kuyimbandezelo enkulu

Iziganeko zasemva kwembandezelo enkulu

  • Ukuvalelwa kukaSathana needemon zakhe. Ingelosi enamandla iza kuphosa uSathana needemon zakhe “enzonzobileni” ibe uya kufana nofileyo. (ISityhilelo 20:1-3) Xa esenzonzobileni, uSathana akayi kukwazi ukwenza nto naphi na, uya kuba ngathi usentolongweni.​—ISityhilelo 20:7.

  • Ukuqala kolawulo lweminyaka eliwaka. Ulawulo lweminyaka eli-1 000 loBukumkani bukaThixo luza kuqalisa, nto leyo eza kuza neentsikelelo kubantu. (ISityhilelo 5:9, 10; 20:4, 6) Inani elingachazwanga ‘lesihlwele esikhulu’ liza ‘kuphuma embandezelweni enkulu,’ lisindile ukuze libone ukuqala kolawulo lweminyaka eliwaka emhlabeni.​—ISityhilelo 7:9, 14; INdumiso 37:9-11.

a Kwincwadi yeSityhilelo, unqulo lobuxoki lufanekiselwa yiBhabhiloni Enkulu, ‘ihenyukazi elikhulu.’ (ISityhilelo 17:1, 5) Irhamncwa elimbala ungqombela elitshabalalisa iBhabhiloni Enkulu, limela umbutho onenjongo yokwenza kubekho umanyano nezizwe zehlabathi. Wawubizwa ngokuba luManyano LweZizwe ibe ngoku ubizwa ngokuba ziZizwe Ezimanyeneyo.