Yintoni Imbandezelo Enkulu?
Impendulo esuka eBhayibhileni
Imbandezelo enkulu iza kuba lixesha lentlekele engazange yakhona ngaphambili. Ngokutsho kwesiprofeto seBhayibhile, iza kuba khona “ngemihla yokugqibela.” (2 Timoti 3:1; Daniyeli 12:4) Iza kuba ‘yimbandezelo ekungazange kubekho injengayo ukususela ekuqaleni kwendalo awayidalayo uThixo de kwalelo xesha, kwaye ayisayi kubakho kwakhona.’—Marko 13:19; Daniyeli 12:1; Mateyu 24:21, 22.
Iziganeko eziza kwenzeka xa kuyimbandezelo enkulu
Ukutshatyalaliswa konqulo lobuxoki. Ngesantya esibambis’ ongezantsi, unqulo lobuxoki luza kutshatyalaliswa. (ISityhilelo 17:1, 5; 18:9, 10, 21) Amagunya ezopolitiko amelwa ziZizwe Ezimanyeneyo aza kuphumeza injongo kaThixo ngokutshabalalisa.—ISityhilelo 17:3, 15-18. a
Ukuhlaselwa konqulo lokwenyaniso. Ingqokelela yeentlanga echazwa kumbono kaHezekile ‘njengoGogi welizwe lakwaMagogi’ iza kuzama ukutshabalalisa abo bakunqulo lokwenyaniso. Sekunjalo, uThixo uza kubakhusela abakhonzi bakhe kuloo ntshabalalo.—Hezekile 38:1, 2, 9-12, 18-23.
Ukugwetywa kwabemi bomhlaba. UYesu uza kugweba bonke abantu ibe ‘uza kwahlula omnye komnye, kanye njengokuba umalusi esahlula izimvu ezibhokhweni.’ (Mateyu 25:31-33) Ukugweba kwakhe kuza kube kungenxa yokuba abanye bebaxhasile okanye ababaxhasa abo baza kulawula noYesu ezulwini, ‘abazalwana’ bakhe.—Mateyu 25:34-46.
Ukuhlanganiswa kwabalawuli BoBukumkani. Abantu abathembekileyo abakhethelwe ukulawula noKristu baza kugqiba ikhondo labo lokuphila emhlabeni baze bavuselwe ezulwini.—Mateyu 24:31; 1 Korinte 15:50-53; 1 Tesalonika 4:15-17.
IArmagedon. Le ‘mfazwe yemini enkulu kaThixo uSomandla’ ikwabizwa ngokuba ‘yimini kaYehova.’ (ISityhilelo 16:14, 16; Isaya 13:9; 2 Petros 3:12) Abo uKristu abagwebe njengabangalunganga baza kutshatyalaliswa. (Zefaniya 1:18; 2 Tesalonika 1:6-10) Oku kuza kuquka intshabalalo yenkqubo yezopolitiko yehlabathi lonke, echazwa eBhayibhileni njengerhamncwa elineentloko ezisixhenxe.—ISityhilelo 19:19-21.
Iziganeko zasemva kwembandezelo enkulu
Ukuvalelwa kukaSathana needemon zakhe. Ingelosi enamandla iza kuphosa uSathana needemon zakhe “enzonzobileni” ibe uya kufana nofileyo. (ISityhilelo 20:1-3) Xa esenzonzobileni, uSathana akayi kukwazi ukwenza nto naphi na, uya kuba ngathi usentolongweni.—ISityhilelo 20:7.
Ukuqala kolawulo lweminyaka eliwaka. Ulawulo lweminyaka eli-1 000 loBukumkani bukaThixo luza kuqalisa, nto leyo eza kuza neentsikelelo kubantu. (ISityhilelo 5:9, 10; 20:4, 6) Inani elingachazwanga ‘lesihlwele esikhulu’ liza ‘kuphuma embandezelweni enkulu,’ lisindile ukuze libone ukuqala kolawulo lweminyaka eliwaka emhlabeni.—ISityhilelo 7:9, 14; INdumiso 37:9-11.
a Kwincwadi yeSityhilelo, unqulo lobuxoki lufanekiselwa yiBhabhiloni Enkulu, ‘ihenyukazi elikhulu.’ (ISityhilelo 17:1, 5) Irhamncwa elimbala ungqombela elitshabalalisa iBhabhiloni Enkulu, limela umbutho onenjongo yokwenza kubekho umanyano nezizwe zehlabathi. Wawubizwa ngokuba luManyano LweZizwe ibe ngoku ubizwa ngokuba ziZizwe Ezimanyeneyo.