Yiya kwinkcazelo

UKUNCEDA IINTSAPHO | UMTSHATO

Zipheni Ixesha Lokuba Kunye

Zipheni Ixesha Lokuba Kunye

 Abayeni nabafazi abaninzi bakufumanisa kunzima ukuncokola nokuba sebehleli kwindawo enye. Kutheni kunjalo nje?

 Kutheni le nto abanye abantu abatshatileyo bengaziboni besondelelene kodwa bahlala kunye?

  •   Ukudinwa kakhulu

     “Xa kuvela ixesha lokuba sibe kunye, omnye wethu phakathi kwam nomyeni wam, sube edinwe kakhulu. Xa ndidiniwe ndicatshukiswa nayinto encinci. Kuye kube bhetele sibukele iTV.”—UAnna.

  •   Ukuphazanyiswa zizixhobo ze-elektroniki

     “Iiwebhsayithi zokuncokola nokuzonwabisa ngeintanethi kunokutya ixesha lakho elininzi. Unokuchitha iiyure ezininzi uzisebenzisa kodwa ube ungakhange uthethe nomntu otshate naye. Kungabhetele nokuba singaba kwiindawo ezahlukeneyo.”—UKatherine.

  •   Izinto esinomdla kuzo azifani

     “Emva kokuba umyeni wam ebuye emsebenzini, ixesha lakhe ulichitha esenza izinto azithandayo. Usebenza nzima, ngoko uyalidinga ixesha lokuba yedwa enze izinto azithandayo. Kodwa ndibawela sichithe ixesha elininzi sisobabini.”—UJane.

  •   Umsebenzi

     “Ngenxa yokuba sinezixhobo ze-elektroniki sisebenza nokuba sesikunye neentsapho zethu ekhaya. Amaxesha amaninzi ndizibhaqa sendiphendula ii-emails nemiyalezo yasemsebenzini endaweni yokuhlala nomfazi wam ngelo xesha.”—UMark.

 Into onokuyenza

  •   Ziphe ixesha lokuba kunye nomntu otshate naye, ningayenzi xa ningenanto yokwenza loo nto.

     Umgaqo weBhayibhile: ‘Qinisekani ngezona zinto zibalulekileyo.’—Filipi 1:10.

     Into onokucinga ngayo: Ngaba izinto ozenzayo zibonisa ukuba umtshato wakho ubaluleke ngaphezu komsebenzi nezinye izinto ozithandayo? Ngaba uba kunye nomntu otshate naye xa ungenanto yokwenza?

     Icebiso: Hlala unexesha oza kulichitha nomntu otshate naye, ningaphazanyiswa nto.

     “Kuba mnandi kum xa umyeni wam elungiselela ukuba sibe nexesha lethu sobabini. Le nto indenza ndibone ukuba uyandithanda ibe uyavuya xa ekunye nam. Nditsho ndimthande nakakhulu.”—UAnna.

  •   Funda ukuzibeka ecaleni izixhobo zakho ze-elektroniki.

     Umgaqo weBhayibhile: “Yonke into inexesha layo.”—INtshumayeli 3:1.

     Into onokucinga ngayo: Uyivumela kangakanani ifowuni ikuphazamise xa uhleli nomntu otshate naye?

     Icebiso: Khanizame ukutya kunye nokuba kukanye ngemini, nizishiye kwelinye igumbi iifowuni zenu. Ukutya kunye lixesha elihle lokuthetha ngezinto enizenzileyo ngaloo mini.

  •   Ukuba kunokwenzeka yenzeni kunye imisebenzi yasekhaya.

     Umgaqo weBhayibhile: “Ababini babhetele kunomnye, kuba bafumana umvuzo omhle ngomsebenzi wabo onzima.”—INtshumayeli 4:9, umbhalo osemazantsi.

     Into onokucinga ngayo: Kukangaphi umntu otshate naye ezihambela yedwa ukuyokuthenga izinto zasekhaya?

     Icebiso: Zenzeni kunye nezinto ezinokwenziwa ngumntu omnye.

     “Imisebenzi enjengokuthenga ukutya, ukuhlamba izitya, ukusonga iimpahla, ukucheba ingca, mayibe yimisebenzi eza kunenza nichithe ixesha kunye.—UNina.

  •    Yiba Nengqiqo

     BUmgaqo weBhayibhile: “Bonke abantu mababone ukuba nibhetyebhetye.”—Filipi 4:5.

     Into onokucinga ngayo: Ungambonisa njani umntu otshate naye ukuba awulindelanga enze izinto ezingaphezu kwamandla akhe?

     Icebiso: Thethani ngezinto enizifunayo, nize nivumelane ngendlela eniza kulichitha ngayo ixesha lenu ukuze nonwabe.

     “Umyeni wam unamandla okwenza izinto ezininzi, ngoxa mna impilo ingandivumeli. Ndiye ndimvumele ayokujima ngaphandle ndibe ndihleli endlini ndiphumlile. Xa ebuya siye sobabini sizive bhetele kuba senze izinto ebesizifuna.”—UDaniela.

 Imibuzo abantu abatshatileyo abanokucinga ngayo

 Okokuqala, mntu ngamnye makazibuze le mibuzo, nize nincokole ngayo xa nikunye.

  •    Xa ucinga ngaba uchitha ixesha elaneleyo nomntu otshate naye?

  •   Zeziphi izinto azenzileyo umntu otshate naye onokumncoma ngazo ukuze nikwazi ukuchitha ixesha kunye?

  •   Ungathanda ukuba enze bhetele phi umntu otshate naye?

  •   Ngaba izixhobo ze-eletroniki ziyakuphazamisa ude ungakwazi ukumamela into ethethwa ngumntu otshate naye?

  •   Ungabonisa njani ukuba ubhetyebhetye kwizinto ozilindele kumntu otshate naye?

  •   Kule veki yintoni eninokuyenza ukuze nibe nexesha elininzi kunye ningaphazanyiswa?