Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IWEBHSAYITHI ETHI JW.ORG

Sebenzisa Iculo Elithi, ‘Culela UYehova Ngovuyo’

Sebenzisa Iculo Elithi, ‘Culela UYehova Ngovuyo’

 Dawunlowuda Iculo

Yiya kwindawo ethi, IIMPAPASHO > UMCULO.

Cofa indawo yokudawunlowuda.

Indawo yokudawunlowuda iza kuveza zonke iindlela onokulidawunlowuda ngazo iculo elithi, ‘Culela UYehova Ngovuyo’.

  • Cofa indawo esezantsi kweculo ukuze ubone indlela ofuna ukulidawunlowuda ngayo iculo. Ngokomzekelo, cofa indawo ethi, PDF ukuze ubone iingoma ezifumaneka kwiPDF onokuzidawunlowuda.

  • Cofa indawo yokudawunlowuda esecaleni komxholo weculo ofuna ukulidawunlowuda. Ubungakanani beculo bubhaliwe kwindawo oza kuyicofa.

 Dlala Okanye Udawunlowude Umculo Orekhodiweyo

Ukuba umculo orekhodiweyo uyafumaneka ngolwimi lwakho, uza kuvela kunye neculo kwindawo ethi, IIMPAPASHO > UMCULO.

Cofa uphawu lomculo orekhodiweyo oluvela xa ufuna ukudawunlowuda ukuze ukwazi ukuwudlala uze uwudawunlowude.

Indawo yokudlala nokudawunlowuda umculo yenza ukwazi ukudlala ingoma enye okanye ezininzi.

  • Cofa uphawu lokudlala umculo ukuze umamele iingoma ukususela ekuqaleni.

  • Cofa uphawu lokudlala ingoma ecaleni komxholo wengoma ukuze uyimamele.

Xa ingoma iphela, kudlala elandelayo lide liphele iculo.

Indawo yokudlala nokudawunlowuda umculo ikunceda ukwazi ukudawunlowuda iculo elinye okanye onke amaculo arekhodiweyo.

  • Cofa indawo ethi, ZIP ukuze udawunlowude zonke iingoma. Ubungakanani bengoma buyavezwa ecaleni kwendawo ethi, ZIP.

  • Cofa indawo ethi, MP3 ecaleni kweculo ukuze udawunlowude umculo orekhodiweyo. Ubungakanani beculo bubhaliwe kwindawo oza kuyicofa.

Khangela, Udlale Uze Uveze Iingoma

 Yiya kwindawo ethi, IIMPAPASHO > UMCULO.

Cofa umxholo weculo ukuze uye kwiculo elithi, ‘Culela UYehova Ngovuyo.’

Emva koko uza kubona iingoma ofuna ukuzibona okanye ukuzimamela.

Faka uphawu kwibhokisi ethi, Play continuously ukuze udlale zonke iingoma. Ezi ngoma ziza kuyeka ukudlala xa sele zidlale zonke.

Faka uphawu kwibhokisi ethi, Shuffle ukuze iingoma zingadlali ngokulandelelana kwazo. Ezi ngoma ziza kuyeka ukudlala xa sele zidlale zonke.

Sebenzisa le ndawo uyicofayo ukuze idlale ingoma ukuze uyilawule ngokwakho indlela ofuna idlale ngayo ingoma:

  • Cofa uphawu lokudlala ukuze udlale iculo elithi, ‘Culela UYehova Ngovuyo’ ukususela ekuqaleni. Okanye ucofe uphawu lokudlala ingoma ukuze uyidlale.

  • Cofa indawo yokumisa ingoma ukuze uyimise. Cofa uphawu lokudlala ukuze uphinde uyidlale ingoma.

  • Tsala ichokoza ulise ngemva okanye phambili ukuze use ingoma kwindawo ofuna iye kuyo.

  • Xa iingoma zidlala emva kokuba ukhethe indawo ethi, Play continuously okanye Shuffle, cofa indawo yokubuyela ngemva ukuze uye kwingoma edlulileyo.

  • Xa iingoma zidlala emva kokuba ukhethe indawo ethi, Play continuously okanye Shuffle cofa indawo yokuya phambili ukuze uye kwingoma elandelayo.

  • Cofa uphawu lwesandi ukuze umculo ungavakali. Ingoma iza kuqhubeka idlala kodwa ingavakali.

  • Phinda ucofe uphawu lwesandi ukuze umculo uvakale.

Le ndawo uyicofayo ukuze idlale ingoma ihlala ikhona. Le nto ibangela ukuba ukwazi ukumisa ingoma uze uphinde uyidlale ungakhange ubuyele umva.

Kukho iindlela ezimbini zokuveza iculo elithi, ‘Culela UYehova Ngovuyo,’ kukho ethi, Grid nethi, List.

  • Cofa uphawu lwendawo ethi, List ukuze inani lengoma nomxholo wayo zivele zidwelisiwe. Iingoma zihlala zidwelisiwe.

  • Xa iingoma zidwelisiwe, cofa uphawu lokuyidlala ingoma ecaleni komxholo wengoma okanye ucofe umxholo ukuze kuvele amagama eculo.

  • Cofa uphawu lwendawo ethi, Grid ukuze kuvele amanani engoma. Cofa inani lengoma ukuze kuvele amagama eculo.

Veza Amagama Engoma

Ukuba amagama engoma ayafumaneka ku-jw.org, cofa inani lengoma okanye umxholo wayo ukuze uveze amagama engoma.

 Ukuze ufumane ingoma, cofa indawo yokukhangela iingoma esezantsi kwendawo oyicofayo ukuze idlale ingoma.

  • Cofa indawo yokukhangela, ibe iingoma ziza kudweliswa ngezantsi ukuze kuvele inani lengoma nomxholo wayo.

  • Bhala inani lengoma okanye amagama athile asemxholweni ukuze kuvele iingoma ezithetha ngaloo nto kuphela.

  • Khetha ingoma kuludwe ukuze uveze amagama ayo.

Khetha indlela ofuna ukuba amagama engoma avele ngayo.

  • Veza amagama eengoma ngokweziqendu. Iingoma zihlala zivela ngolu hlobo. Xa zivela ngolu hlobo uza kukwazi ukufunda iZibhalo. Xa udlala umculo orekhodiweyo, umgca onamagama ahambelana nomculo aba nombala.

  • Veza amagama engoma usebenzisa indawo ethi, Image. Olu phawu luveza iinotes. Cofa indawo ethi, Image ukuze uveze iingoma ezineenotes. Unokwenza amagama engoma avele kakhulu okanye avele kancinci ngokucofa uphawu lokuwenza abe makhulu okanye abe mancinci amagama, kodwa ukuba usebenzisa itouch screen usivule okanye usivale isikrini ngesandla.