UVUKANI! Oktobha 2013 | Izinto Ezintathu Ezingenakuthengwa Ngemali

Ukuthi phithi bubunewunewu kusenza singaziboni izinto ezibalulekileyo ebomini—izinto ezingenakuthengwa ngemali. Nantsi imizekelo emithathu.

Okwenzeka Ehlabathini

Ezinye izinto ekuthethwa ngazo: Ukuxinana kweemoto eTshayina, ukungahlonelwa kwenkululeko yonqulo eArmenia, iingozi zeewebhsayithi zokuncokola eJapan nezinye.

UKUNCEDA INTSAPHO

Xa Ubuhlobo Bugqith’ Emgceni

Ngaba uzixelela ukuba ‘Singabahlobo nje?’ Ukuba kunjalo, hlola imigaqo yeBhayibhile ukuze ubone ukuba le ndlela yokucinga ichanile kusini na.

UDLIWANO-NDLEBE

Ingcali Yamachiza Ichaza Ngokholo Lwayo

Yintoni eyatshintsha uluvo lwalo mphandi ngemvelaphi yobomi neyambangela ukuba aqiniseke ukuba iBhayibhile ivela kuThixo?

INQAKU ELINGUMXHOLO

Izinto Ezintathu Ezingenakuthengwa Ngemali

Imali isinceda sikwazi ukuthenga izinto esizifunayo, kodwa eyona nto yanelisayo ebomini siyifumana kwizinto ezingenakuthengwa ngemali.

Oko Ufanele Ukwazi Ngokuxhuzula

Funda ngesi sifo singaqondwayo.

IMBONO YEBHAYIBHILE

Uxinezeleko

Funda ngesizathu sokuba uxinezeleko lubakhathaza abo banalo, nendlela iBhayibhile enokubanceda ngayo.

NGABA YADALWA?

Indlebe Emangalisayo Yekatydid

Iindlebe zale ntethe zisebenza phantse ngokufanayo nezomntu. Uphando olufunyanisiweyo ngale ndlela imangalisayo yokuva lunokubanceda njani oososayensi noononjineli bale mihla?

Izinto Ezingakumbi Ezifumaneka Kwi-intanethi

Ndiza Kwenza Ntoni Xa Ndihlutshwa Ngabanye?

Uninzi lwabantu abahlupha abanye luziva lungeloncedo. Eli nqaku lichaza into enokwenziwa ukuze kulungiswe le ngxaki.

Ngaba Ndisoloko Ndicinga Ngendlela Endikhangeleka Ngayo?

Ukuba unengxaki nomzimba wakho, ungayilungisa njani?

Kuthekani Ukuba Ndiyagula?—Inxalenye 1

Abaselula abane bachaza izinto ezibancedayo ukuze bahlangabezane nezigulo zabo baze bahlale benethemba.

Oko Kuthethwa Lulutsha Ngenkangeleko Yalo

Kutheni kunzima ngolutsha ukuba lube nembono efanelekileyo ngendlela olukhangeleka ngayo? Yintoni enokunceda?

Iphupha Lombhaki

Zikhuphelele eli phepha lifakwa imibala-bala, uliprinte uze ukhangele izinto ezingafaniyo kule mifanekiso mibini.