Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

Uxinezeleko

Uxinezeleko

Yintoni uxinezeleko?

“Ndiphazamisekile, ndithobe ngomlinganiselo ogqithileyo; Imini yonke ndihambahamba ndibuhlungu.”INdumiso 38:6.

OKO KUTHETHWA NGABAPHANDI

Wonk’ umntu ukhe azive ephantsi ngamathub’ athile, kodwa lona uxinezeleko yinto ehlala ikho yaye lumphilisa kabuhlungu umntu. Nangona oogqirha bengavumelani ncam ngomahluko okhoyo phakathi kokukhathazeka “okuqhelekileyo” “noxinezeleko,” esikwaziyo kukuba sonke sikhe sizive sikhathazekile, ibe ngamaxesha athile ude uzive ungento yanto yaye unetyala ngaphandle kwesizathu.

OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

IBhayibhile ithetha ngamadoda namabhinqa awakha abuhlungu. Ngokomzekelo, ‘umphefumlo kaHana wakha wakrakra’—gama elo elikwathetha ukuthi ‘intliziyo etyumkileyo’ nokuthi ‘ukubindeka.’ (1 Samuweli 1:10) Ngesinye isihlandlo umprofeti uEliya wakha waxheleka entliziyweni kangangokuba wada wacela uThixo ukuba amyeke afe.1 Kumkani 19:4.

AmaKristu enkulungwane yokuqala ayalelwa ukuba ‘athuthuzele imiphefumlo edandathekileyo.’ (1 Tesalonika 5:14) Enye incwadi ithi ibinzana elithi ‘umphefumlo odandathekileyo’ linokubhekisela kubantu ‘abonganyelwe ziinzingo zokomzuzwana.’ Kuyabonakala  ukuba kwanamadoda namabhinqa athembekileyo ekuthethwa ngawo eBhayibhileni ayekhe adandatheke.

Ukuxinezeleka, lityala likabani?

“Yonke indalo iyagcuma kwaye isentlungwini de kube ngoku.”Roma 8:22.

OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

IBhayibhile ifundisa ukuba ukugula kwabangelwa yimvukelo ka-Adam noEva. Ngokomzekelo, iNdumiso 51:5 ithi: “Khangela! Ngenimba ndazalelwa esiphosweni, yaye uma wandikhawulela esonweni.” Wona amaRoma 5:12 athi “isono sangena ngamntu mnye ehlabathini [umntu wokuqala, uAdam] nokufa ngaso isono, ngaloo ndlela ukufa kwasasazeka kubo bonke abantu ngenxa yokuba bonke bonayo.” Ngenxa yokungafezeki esakuzuz’ ilifa kuAdam, sonke siyagula, emzimbeni nasengqondweni. Yiyo loo nto iBhayibhile isithi, “indalo iyagcuma kwaye isentlungwini.” (Roma 8:22) Kodwa ke, ikwasithembisa nokuba kwihlabathi elitsha, uThixo uza kuphelisa konke ukugula—nto leyo engenakwenziwa ngoogqirha.ISityhilelo 21:4.

Unokwenza ntoni ukuze umelane noxinezeleko?

“UYehova usondele kwabo baphuke intliziyo; Yaye abo bamoya utyumkileyo uyabasindisa.”INdumiso 34:18.

KUTHENI UMELE UBE NOMDLA

Izinto azinakusoloko zihamba ngendlela ofuna ngayo, maxa wambi uya kwehlelwa zizinto ezibuhlungu. (INtshumayeli 9:11, 12) Sekunjalo, zikho izinto onokuzenza ezinokubangela ukuba ungahlali usentlungwini.

OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

IBhayibhile ithi kufuneka ugqirha kwabagulayo. (Luka 5:31) Ngoko ukuba uxinezelekile, akukho nto imbi ngokuya kugqirha. IBhayibhile ikwabethelela nokubaluleka kokuthandaza. Ngokomzekelo, iNdumiso 55:22 ithi: “Umthwalo wakho wulahlele kuYehova, Yaye yena wokuxhasa. Akayi kuliyekela ilungisa lishukunyiswe.” Umthandazo asinto nje yokuthuthuzela; yindlela yokuthetha noYehova uThixo, kuba yena “usondele kwabo baphuke intliziyo.”INdumiso 34:18.

Kungakunceda nokuchazela umhlobo wakho osenyongweni ingxaki onayo. (IMizekeliso 17:17) UDaniela oliNgqina likaYehova uthi: “Elinye iNgqina leza nam kakuhle lindicenga ukuba ndiphalaze imbilini yam. Nangona ndandisoloko ndingafuni ukuncokola ngayo kangangeminyaka, ndaqonda ukuba le yeyona nto kwakufuneka ndiyenze kwasekuqaleni. Kwatsho kwathi xibilili emva koko.”