Yiya kwinkcazelo

ULUTSHA LUYABUZA

Kuthekani Ukuba Ndiyagula? (Inxalenye 1)

Kuthekani Ukuba Ndiyagula? (Inxalenye 1)

Ngaba kukho umntu omaziyo oselula okhathazwa yimpilo? Ngaba unesigulo okanye unesiphene esikubangela ukuba ungakwazi ukunandipha izinto ezithandwa ngabantu abangangawe?

Ukuba kunjalo, yinto eqhelekileyo ukuziva utyhafile ngamaxesh’ athile. Sekunjalo, iBhayibhile ineendlela ezimbini ethuthuzela ngazo.

  • UMdali wakho, uYehova uThixo, uyayazi imeko yakho. Eyona nto ivuyisayo yeyokuba ‘ukukhathalele.’—1 Petros 5:7.

  • Injongo kaYehova uThixo kukubaphilisa bonke abagulayo! Ungafunda ngako oku eBhayibhileni kuIsaya 33:24 nakwiSityhilelo 21:1-4.

Ulutsha oluninzi olunengxaki yempilo lubonile ukuba ukuba nokholo kuThixo nakwizithembiso zakhe kuyalomeleza. Nantsi imizekelo emine.

 UYEIMY

Ndaqalisa ukuhamba ngewheelchair xa ndandineminyaka eyi-11. Andikwazi ukwenza imisebenzi nje elula, efana nokuphakamisa izinto.

Xa ndandineminyaka emihlanu, kwathiwa ndinemuscular dystrophy, isifo esiya sihambela phambili esandenza andakwazi ukwenza izinto ezininzi. Ngamanye amaxesha, ndiba buhlungu kuba andikwazi ukwenza izinto ezenziwa ziintanga zam. Kodwa abazali bam nebandla bandixhasa ngokwasemzimbeni, iimvakalelo nakwizinto zobuthixo. Ndingumshumayeli wexesha elizeleyo, yaye amanye amaKristu asoloko ehamba nam xa ndiyokufundisa abanye iBhayibhile.

UYesu wathi suku ngalunye lunamaxhala alo. (Mateyu 6:34) Ngoko ndizama ukungaxhaleli ingomso yaye ndizibekela usukelo endinokulufikelela. Ndikhangele kwihlabathi elitsha likaThixo apho ndiya kuphila ‘ubomi benene,’ singenayo le mpilo inkenenkene.—1 Timoti 6:19.

Into onokucinga ngayo: UYeimy wafumanisa kuluncedo ‘ukuzibekela usukelo lokwenene.’ Wena unokuyenza njani loo nto?—1 Korinte 9:26.

 UMATTEO

Ndaqalisa ukuqaqanjelwa ngumqolo xa ndandineminyaka emithandathu, yaye ekuqaleni oogqirha babesithi ubangelwa kukuba ndikhula. Noko ke, emva konyaka, bafumanisa ukuba ndineqhuma apha kanye emqolo.

Ndatyandwa, kodwa ugqirha akazange akwazi ukulisusa lonke. Kwiinyanga nje ezimbini—laphinda lakhula! Ukususela ngoko, ndiye ndanyangwa ngeendlela ezininzi, yaye akukho nanye into eye yandiphilisa.

Ngamany’ amaxesha eli qhuma xa liqaqamba ibangathi umzimba uhlatywa ngeemela, kodwa kakhulu emqolo nasesifubeni. Sekunjalo, ndizama ukungahlali ndicinga ngemeko endikuyo. Ndiye ndizikhumbuze ukuba nabanye baye banyamezela izinto ezibuhlungu, kodwa khange baphelelwe lithemba. Eyona nto indincedayo kukuqiniseka ukuba ngenye imini uYehova uThixo uya kusizalisekisa isithembiso sakhe sokuphelisa konke ukubandezeleka.—ISityhilelo 21:4.

Into onokucinga ngayo: Ukucinga ngesithembiso sikaThixo sokuphelisa ukubandezeleka kukunceda njani ukwazi ukunyamezela, njengoko kwanceda uMatteo?—Isaya 65:17.

 UBRUNA

Ekubeni kungekho nto ithi ndiyagula, abanye abantu banokucinga ukuba ndilivila. Noko ke, kum kunzima yonke into, ukwenza imisebenzi yasendlwini, ukufunda, nditsho nokuvuka ebhedini oku.

Xa ndandineminyaka eyi-16, kwafunyaniswa ukuba ndinemultiple sclerosis, isifo esinganyangekiyo nesiya sindenza buthathaka nesiye sabangela ukuba ndingakwazi ukusebenza nokwenza imisebenzi yamaKristu ngendlela endifuna ngayo. Ndisoloko ndifunda u-1 Petros 5:7, othi: “Liphoseni kuye [uThixo] lonke ixhala lenu, kuba unikhathalele.” Ndomelezwa kukwazi ukuba uYehova ukhathalele ngamnye wethu, kwaye kusandomeleza nanamhlanje.

Into onokucinga ngayo: Unokungenelwa njani xa uphosa ixhala lakho kuYehova, njengoko wenzayo uBruna?—INdumiso 55:22.

 UANDRÉ

Abanye abantu bandiphatha njengomntwana ona-10. Andibasoli; nyhani ndikhangeleka njengomntwana.

Xa ndandineminyaka emibini, kwafunyaniswa ukuba ndinomhlaza ongaqhelekanga owaqala apha emqolo waza wanwenwela engqondweni. Oogqirha bakwazi ukusinyanga esi sifo, kodwa olo nyango lwandenza andakhula kakuhle. Ngoku, ndinobude obuziimitha eziyi-1.37. Abantu abaninzi bacinga ukuba ndiyaxoka xa ndisithi iminyaka yam iyi-18!

Kwibandla lamaKristu, ndiphathwa ngentlonelo. Abandintlonti njengoko babesenjenjalo abantwana endandifunda nabo. Ndizama ukungakhathazeki yimeko endikuyo. Eyona nto ibalulekileyo kukuba ndifumene eyona nto ifanele ifunyanwe ngabantu bonke—ukwazi uYehova! Nantoni na endimele ndiyinyamezele, ndiqinisekile ukuba uYehova akasoze andiyekele. Ukucinga ngehlabathi elitsha elimangalisayo elithenjiswe nguYehova uThixo kuyandinceda ukuba ndihlale ndinethemba.—Isaya 33:24.

Into onokucinga ngayo: Kutheni ukwazi uYehova “kuyeyona nto ifanele ifunyanwe ngabantu bonke”? Njengoko esitsho uAndré.—Yohane 17:3.