Yiya kwinkcazelo

ULUTSHA LUYABUZA

Yintoni Enokundinceda Ukuze Ndingaphazamiseki?

Yintoni Enokundinceda Ukuze Ndingaphazamiseki?

 Kutheni ndikhawuleza ndiphazamiseke?

 “Andisakuthandi ukufunda iincwadi njengakuqala andithandi nokufunda iziqendu ezide.”​—UElaine.

 “Xa ndibona ingathi iyacotha ividiyo ndiye ndiyibukele ngokukhawuleza ukuze iphele msinya.”​—UMiranda.

 “Xa ndisenza into ebalulekileyo ize indiphazamise ifoni yam, ndiye ndizibuze, ngubani lo undibhalela umyalezo?”​—UJane.

 Ngaba iteknoloji ingabangela kube lula ukuphazamiseka? Abanye bathi ewe. UNicholas Carr ongumbhali nongumcebisi uthi: “Xa sisoloko sisebenzisa i-intanethi ingqondo yethu iye iphazamiseke kuba siye singacingisisi ngenkcazelo esiyifunde ngokukhawuleza.” a

 Phawula ezi meko zintathu ezinokubangela ukuba iteknoloji ikuphazamise.

  •   Xa uncokola. Ibhinqa eliselula uMaria uthi: “Naxa abantu bencokola baye babhale imiyalezo, badlale imidlalo okanye bajonge amajelo okuncokola kwiifowuni zabo​—bengabahoyanga abo bantu bancokola nabo.”

  •   Xa useklasini. Incwadi ethi Digital Kids ithi: “Abafundi abaninzi bathi basebenzisa izixhobo ze-eletroniki eklasini, ukuze babhale imiyalezo, bafunde okanye bajonge izinto ezikwi-intanethi ezingenanto yakwenza nomsebenzi wesikolo.”

  •   Xa ufunda. UChris oneminyaka eyi-22 uthi: “Eyona nto inzima kum kukungayihoyi ifowuni yam xa ikhala.” Ukuba uyafunda, umsebenzi wesikolo obunokuthatha iyure enye ungathatha ezintathu okanye ngakumbi ukuba uphazanyiswa zizixhobo ze-eletroniki.

 Inyaniso yile: Ukuba uhoye kakhulu iteknoloji loo nto ingakuphazamisa uze ungazenzi kakuhle izinto.

Ingqondo engazinzanga ifana nehashe lasendle​—iyakulawula

 Izinto ezinokusinceda singaphazamiseki

  •   Xa sincokola. IBhayibhile ithi: “Ningacingeli kuphela iziqu zenu, kodwa nibacingele nabanye.” (Filipi 2:4) Mmamele kakuhle xa umntu encokola nawe. Mjonge emehlweni, ungaphazanyiswa zizixhobo ze-eletroniki.

     “Xa uncokola, zama ukungayijongi ifowuni yakho. Mhloniphe umntu othetha naye ngokummamelisisa.”​—UThomas.

     ICEBISO: Xa uncokola, yibeke kwindawo ongazukuyibona kuyo ifowuni yakho. Abaphandi bathi kulula ukuphazamiseka xa uyibona ifowuni yakho, kuba isenokukhala.

  •   Xa useklasini. IBhayibhile ithi: “Mamelisisani.” (Luka 8:18) Ucinga ngalo mgaqo, ukuba isikolo sinayo i-intanethi eklasini, sukujonga imiyalezo, udlale imidlalo, okanye uncokole xa kufundiswa.

     “Zama ukuba ungaphazamiseki eklasini. Zibhale izinto ozifundayo xa utishala efundisa. Ukuba kunokwenzeka hlala ngaphambili eklasini ukuze ungaphazamiseki.”​—UKaren.

     ICEBISO: Zibhale ngesandla izinto ozifundayo ungasebenzisi ikhompyutha. Abaphandi bathi xa ubhala ngesandla awuzuphazamiseka ibe uza kuyikhumbula lula into oyifundileyo.

  •   Xa ufunda. IBhayibhile ithi: “Funa ubulumko, ufune nokuqonda.” (IMizekeliso 4:5) Oko kuthetha ukuba uphande xa ufunda kunokuba ungxamele nje ukupasa.

     “Xa ndifunda ndiye ndiyenze ingandiphazamisi itablethi yam ndijonge loo nto ndiyenzayo. Andijongi nemiyalezo efikayo. Ukuba ndikhumbula into endimele ndiyenze ndiye ndiyibhale phantsi.”​—UChris.

     ICEBISO: Qiniseka ukuba awuzuphazamiseki kwindawo ofundela kuyo. Yigcine iklini ingagcwali zinto.

a Ithathwe kwincwadi ethi The Shallows​—What the Internet Is Doing to Our Brains.