Yiya kwinkcazelo

ULUTSHA LUYABUZA

Ukuthandana—Inxalenye 2: Ziintoni Endinokuzilindela Xa Ndithandana?

Ukuthandana—Inxalenye 2: Ziintoni Endinokuzilindela Xa Ndithandana?

 Udibene nomntu oye wamthanda, ibe niye navumelana ukuba niza kuthandana ukuze nibone ukuba ningakwazi na ukutshata. Ziintoni omele uzilindele njengokuba nisiya nisazana bhetele?

Kweli nqaku

 Yazi ukuba kuza kufuneka nithethe inyani ngezinto zonke

 Uza kufunda izinto ezininzi ngomntu othandana naye xa nichitha ixesha kunye. Ezinye uza kuzifunda ngokubona indlela azenza ngayo izinto.

 Kodwa, ezinye izinto kuza kufuneka ninyaniseke xa nizithetha. Njengokuba nithetha, qiniseka ukuba awenzi sigqibo ngenxa yendlela oziva ngayo.

 Nazi ezinye zezinto enimele nithethe ngazo:

  •   Imali. Ngaba akhona amatyala onawo? Ngaba ngamanye amaxesha kubanzima kuwe ukuyisebenzisa kakuhle imali? Ukuba niyatshata, ningazenza njani izigqibo zokuba niza kuyisebenzisa njani imali eniyifumanayo nezinto enizidingayo?

  •   Impilo. Ngaba awunangxaki yempilo? Ngaba wawukhe wanengxaki yempilo ngaphambili?

  •   Izinto ozimisele ukuzenza. Ziintoni ofuna ukuzenza ebomini bakho? Ngaba ziyafana nezo zifuna ukwenziwa ngumntu othandana naye? Emva kokuba nitshatile, ngaba uza kuqhubeka wonwabile naxa iimeko zinganivumeli ukuba nizenze?

  •   Intsapho. Ngaba kukho abantu abakwintsapho yakho ekufuneka ubahoye ngezinto abazidingayo? Ukuba abekho, ngaba ucinga ukuba baza kubakhona njengokuba ixesha lihamba? Ngaba ufuna ukuba nabantwana? Ukuba uyabafuna, babe bangaphi?

 Xa nithetha ngezi zinto, nyaniseka ungafihli nto. Ungazami nokutshintsha indlela ozichaza ngayo izinto kuba ufuna ukuthandwa.—Hebhere 13:18.

 Cinga ngale nto: Yintoni ekufuneka uyazi ngomntu othandana naye? Yena, yintoni ekufuneka ayazi ngawe? Ukuthetha inyani kwangoku, kuza kuninceda njani xa nikhetha ukutshata?

 Umgaqo weBhayibhile: “Umntu ngamnye makathethe inyani.”—Efese 4:25.

 “Intombi isenokuthi, ‘Kwiinyanga eziyi-6, siza kube sele singejile,’ kodwa umfana ecinga ukuba baza kungeja xa begqiba unyaka. Xa kunjalo, intombi isenokuphoxeka kakhulu, kuba ibicinga ukuba izinto ziza kwenzeka ngokukhawuleza. Kubalulekile ukuba nobabini nithethe ngale nto, ukuze nazi ukuba omnye ucinga ntoni.”—UAriana, ononyaka etshatile.

 Yazi ukuba niza kukhe ningavumelani ngezinye izinto

 Abekho abantu abafanayo. Ngoko sukucinga ukuba wena nomntu othandana naye niza kusoloko nivumelana okanye niziva ngendlela efanayo kwinto yonke. Indlela enikhule ngayo inokuyitshintsha indlela enicinga ngayo.

 Cinga ngale nto: Ukuba anivumelani ngento engabalulekanga, kube kungekho mgaqo weBhayibhile niwaphulayo, ngaba nobabini nikulungele ukuyekelela ukuze kubekho uxolo?

 Umgaqo weBhayibhile: “Bonke abantu mababone ukuba nibhetyebhetye.”—Filipi 4:5.

 “Nokuba ‘ningafanelana’ kangakanani, niza kuba nazo iingxaki. Nangona ukufanelana kubalulekile, iimpawu umntu azibonisayo xa kukho into eningavumelaniyo ngayo zibaluleke kakhulu.”—UMatthew, oneminyaka eyi-5 etshatile.

 Yazi ukuba xa uthandana kukho izinto eziza kukwenza ube nestres

 Ukuthandana kufuna ixesha, ibe kusenokukwenza ukuba ube nestres. Yintoni enokukunceda?

 Qiniseka ukuba zonke izinto uzibekela ixesha lazo. Sukuvumela ukuthandana kwakho kuthathe lonke ixesha lakho, de ungakwazi ukwenza ezinye izinto okanye ungabahoyi abahlobo bakho. UAlana oneminyaka eyi-5 etshatile uthi: “Naxa sele utshatile useza kubadinga abahlobo bakho, nabo baseza kukudinga. Sukungazihoyi iitshomi zakho, kuba ngoku uthandana.”

 Khumbula ukuba, xa utshatile kuza kufuneka ube nexesha lazo zonke izinto ozidingayo ebomini bakho. Kungakunceda ukuqala kwangoku.

 Cinga ngale nto: Ngaba usoloko ufuna ukuba umntu othandana naye akunike lonke ixesha lakhe ibe ahlale ekuhoyile? Ngaba uziva ngathi yena ufuna okungaphaya kwamandla akho? Ningenza njani ukuze izinto enizilindeleyo zingamenzi omnye azive ediniwe?

 Umgaqo weBhayibhile: “Yonke into inexesha layo, ixesha lento nganye eyenzekayo.”—INtshumayeli 3:1.

 “Ukuba abantu abathandanayo eyona nto bayenzayo xa bechitha ixesha kunye kukuzonwabisa nje qha, kusenokuba nzima xa sele betshatile. Kubalulekile ukuba benze izinto abaza kuzenza xa sele betshatile, njengokuya kuthenga izinto kunye, benze imisebenzi yasendlini, nokwenza izinto ezibasondeza kuYehova kunye. Le nto iza kubanceda ukuba bakwazi ukusebenzisana xa betshatile.”—UDaniel, oneminyaka eyi-2 etshatile.

 Khumbula ukuba, awuzokuthandana ubomi bakho bonke. Kuza kufuneka wenze isigqibo sokuba uza kutshata na nomntu othandana naye okanye niza kwahlukana. Inxalenye 3 iza kuthetha ngezinto omele uzijonge xa uza kuthatha eso sigqibo.