Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Inqaku Elingumxholo

Ingxaki Yolutsha Olungonwabanga—Isizathu? Yintoni Enokunceda?

Ingxaki Yolutsha Olungonwabanga—Isizathu? Yintoni Enokunceda?

UANNA * uthi: “Xa ndifikelwa yingxaki ebangelwa kukungonwabi (depression), andibi namdla wakwenza nto, nditsho nowokwenza izinto endizithandayo. Ndiye ndifune ukulala nje qha. Ndisoloko ndiziva ngathi andithandwa, akho yam kwaye ndingumthwalo ebantwini.”

UJulia yena uthi: “Ndandicinga ngokuzibulala. Ndandingafuni kufa. Ndandifuna nje into eza kubangela ukuba ndiyeke ukuziva ngale ndlela. Ndingumntu okhathalayo, kodwa xa ndinale ngxaki, andikhathaleli mntu nanto.”

UAnna noJulia baba nale ngxaki besaqala ukufikisa. Ngoxa ukungabi namdla wanto kuyinto yelo xesha nelo xesha kolunye ulutsha, yona idepression ka-Anna noJulia yayidla ngokuthatha iiveki okanye iinyanga. UAnna uthi: “Kuba ngathi usemngxunyeni omnyama nonzulu, ongakwaziyo ukuphuma kuwo. Uziva ngathi umkelwa ziingqondo, ungazazi nokuba ungubani.”

Ingxaki ka-Anna noJulia iqhelekile. Liya lisanda inani lolutsha olufunyaniswa lunedepression, ibe le “yeyona ngxaki ibangela izigulo kumakhwenkwe namantombazana aphakathi kweminyaka eyi-10 neyi-19,” itsho njalo iWorld Health Organization (WHO).

Izinto ezibonisa ukuba umntu unale ngxaki zivela xa efikisa. Ezinye zazo isenokuba kukungalali ngendlela aqhele ukulala ngayo, ukungabi namdla wokutya nobungakanani bomzimba. Usenokuphelelwa lithemba, abe lusizi aze azive ngathi akho yakhe. Ezinye izinto ezibonisayo, kukuzikhetha ebantwini, ukuphazamiseka lula okanye ukulibala, ukucinga ngokuzibulala okanye ukwenza izinto ezibonisa ukuba unaloo ngcinga, nezinye izinto abangaziqondiyo oogqirha. Xa oogqirha bengqondo becinga ukuba umntu unedepression, badla ngokumbuza ngezinye izinto ezidla ngokuthatha iiveki zisenzeka neziphazamisa indlela aphila ngayo.

IZINTO EZIDLA NGOKUBANGELA IDEPRESSION KWABAFIKISAYO

IWHO ithi, “le ngxaki yokungonwabi ibangelwa zizinto ezenzeka kwezentlalo, engqondweni nasempilweni.” Nazi izinto ezisenokuba ziyenzeka.

Izinto ezenzeka emzimbeni. NjengakuJulia, namanye amalungu entsapho asenokuba nale ngxaki, nemfuza isenokudlala eyayo indima, mhlawumbi ide ichaphazele nengqondo. Umntu usenokuba nesifo sentliziyo, kusenokutshintshatshintsha amadlala (hormone levels), asele kakhulu futhi asebenzise iziyobisi, nto ezo zinokubangela idepression. *

IStres. Nangona sikho istres esingeyongozi emzimbeni, kodwa esihlala ixesha elide okanye esingaphaya kwamandla omntu sisenokuba yingozi emzimbeni nasengqondweni, maxa wambi de sibangele umntwana ofikisayo abe nedepression. Inyaniso kukuba, eyona nto ibangela le ngxaki ayikacaci kakuhle ibe isenokubangelwa kukwenzeka kwezinto ezininzi ngexesha elinye, njengokuba sekutshiwo ngasentla.

Izinto ezibangela istres esinokukhokelela kwidepression isenokuba kukuqhawula umtshato kwabazali okanye ukwahlukana kwabo, ukufa komntu omthandayo, ukuxhatshazwa emzimbeni okanye ngokwesondo, ingozi emasikizi, ukugula okanye ingxaki yokufunda—ingakumbi xa loo nto ibangela ukuba umntwana azibone ngathi akafunwa. Enye into isenokuba kukulindela lukhulu kwabazali, mhlawumbi kwindlela aza kuqhuba ngayo kwiimviwo zesikolo. Ezinye izinto kukuxhatshazwa, ukungaqiniseki ngekamva, ukungahoywa ngumzali onedepression nokungabagqibi ncam abazali. Xa yonke le nto ibangela umntwana ofikisayo abe nedepression, unokuncedwa yintoni?

KHATHALELA INGQONDO NOMZIMBA WAKHO

Xa le ngxaki isiya ihambela phambili, kufuneka amayeza nokuya kufumana amacebiso kugqirha wengqondo. * UYesu Kristu wathi: “Kwabo bomeleleyo akufuneki gqirha, kodwa kwabo bagulayo uyafuneka.” (Marko 2:17) Umntu usenokugula nandawoni na emzimbeni, nkqu nasengqondweni! Enye into ecetyiswayo kukuba umntu atshintshe indlela aphila ngayo kuba ingqondo nomzimba ziyasebenzisana.

Ukuba unedepression, khathalela impilo yomzimba neyengqondo yakho ngokwenza konke onokukwazi ukukwenza. Ngokomzekelo, yitya ukutya okunezondlo, lala ngokwaneleyo uze ujime qho. Ukujima kukhupha imichiza etshintsha indlela oziva ngayo, ube namandla uze ulale kakuhle. Ukuba kunokwenzeka, zama ukuyazi into ebangela le ngxaki nezinto ezibonisa ukuba iyaqala, uze ube nendlela yokuyinqanda. Xelela umntu omthembileyo. Amalungu entsapho akukhathaleleyo kunye nabahlobo, bonke banokukunceda ukwazi ukumelana nale ngxaki, mhlawumbi bade babangele kunciphe nezinto eziyibangelayo. Yiba nento obhala kuyo izinto ozicingayo nendlela oziva ngayo. Wancedwa yiloo nto uJulia ekuthethwe ngaye ngasentla. Eyona nto ibaluleke kakhulu, qiniseka ukuba uyalufumana uncedo lwezinto zobuthixo. Le nto inokuyiphucula kakhulu indlela obujonga ngayo ubomi. UYesu Kristu wathi: “Banoyolo abo bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya.”Mateyu 5:3.

Yitya kakuhle, jima uze ulale ngokweneleyo

Unokuthuthuzelwa kukuzanelisa ngezinto zobuthixo

UAnna noJulia bayakungqina ukuchana kwala mazwi kaYesu. UAnna uthi: “Ukuxakeka zizinto zobuthixo kundenza ndingabe ndicinga ngeengxaki endinazo, kodwa ndicinge ngokunceda abanye abantu. Akusoloko kulula oko, kodwa kundenza ndonwabe kakhulu.” UJulia yena uthuthuzelwa kukuthandaza nokufunda iBhayibhile. Uthi: “Ukuxelela uThixo konke okusentliziyweni yam kundenza ndizole. IBhayibhile yona indinceda ndibone indlela endibaluleke ngayo kuThixo nokuba undikhathalele. Ukufunda iBhayibhile kundenza ndikhangele phambili kwikamva.”

UYehova uThixo onguMdali wethu uyazi kakuhle indlela esikhule ngayo, izinto esityhubele kuzo ebomini nendlela imfuza eyiphembelele ngayo indlela esizijonga ngayo izinto nesiziva ngayo. Ngoko uyasixhasa aze asithuthuzele, mhlawumbi esebenzisa abantu abayiqondayo imeko yethu nabanovelwano. Ngaphezu koko, kuza ixesha laxa uThixo eza kusiphilisa kuzo zonke izigulo esinazo, emzimbeni okanye engqondweni. UIsaya 33:24 uthi: “Akakho ummi wakhona oya kuthi: ‘Ndiyagula.’”

IBhayibhile ithembisa ukuba uThixo “uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni [ethu], kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona.” (ISityhilelo 21:4) Ithuthuzela ngokwenene loo nyaniso! Ukuba ungathanda ukufunda okungakumbi ngenjongo kaThixo ngabantu nangomhlaba, yiya ku-jw.org/xh. Apho uza kufunda iBhayibhile namanqaku anemixholo eyahlukeneyo, kunye nathetha ngedepression.

^ isiqe. 3 Amagama atshintshiwe.

^ isiqe. 10 Izifo ezininzi, amayeza neziyobisi zisenokutshintsha indlela umntu aziva ngayo, nto leyo esenokufuna ukuba adibane nogqirha.

^ isiqe. 14 UVukani! akakhuthazi uhlobo oluthile lonyango.