Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

“Olo Thando Lwasenza Sachiphiza Iinyembezi”

“Olo Thando Lwasenza Sachiphiza Iinyembezi”

NGOMGQIBELO, ngoAprili 25, 2015, ilizwe elikumntla weIndiya, iNepal, lantlithwa yinyikima enkulu. Yaphantse yawuntlitha wonke ummandla okumntla-ntshona wekomkhulu iKathmandu. Okulusizi kukuba, kwafa abantu abangaphezu kwe-8 500. Akuzange kufe abantu abangako kuzo zonke iintlekele ezakha zehla kweli. Kwabhodloka imizi engaphezu kwe-500 000. KumaNgqina kaYehova ayi-2 200 ahlala eNepal, uninzi lwawo luhlala kwimimandla eyantlitha kuyo le nyikima. Okubuhlungu kukuba, elinye lawo kunye nabantwana balo ababini bafa.

INgqina elinguMichelle lithi: “AmaNgqina ahlala kweyona ndawo yonakalisa kuyo ayesezintlanganisweni ngelo xesha. Ukuba yayenzeke esemakhaya, ngokuqinisekileyo ngekwakwenzakele amaninzi.” Kwakutheni ukuze basinde abo babesezintlanganisweni? Kungenxa yendlela ezakhiwa ngayo iiHolo ZoBukumkani.

“NGOKU SIYAYIBONA INDLELA ELUNCEDO NGAYO!”

IiHolo ZoBukumkani ezakhiwayo ngoku eNepal zenzelwa ukuba zingadilizwa yinyikima. UMan Bahadur, omnye wabazalwana abakha iiHolo ZoBukumkani uthi: “Besisoloko sibuzwa ukuba kutheni sibeka isiseko esiqine ngolu hlobo kwizakhiwo ezincinci kangaka. Ngoku siyayibona indlela eluncedo ngayo loo nto!” Emva kwenyikima, kwavunywa ukuba abantu bahlaliswe kwiiHolo ZoBukumkani. Nakuba ayesothukile, amaNgqina kaYehova nabamelwane bawo aziva ekhuselekile kuzo.

AmaNgqina KaYehova nabamelwane ahlala kwiiHolo ZoBukumkani

Abadala abangamaKristu bakhawuleza bakhangela amaNgqina awayengekabonakali. INgqina elinguBabita lithi: “Abadala babexhalabele impilo yamanye amaKristu ngaphezu kweyabo. Olo thando lwasenza sachiphiza iinyembezi.” Emva kosuku intlithile inyikima, abazalwana abathathu abakwikomiti ejongene nomsebenzi wamaNgqina kaYehova eNepal, nabaveleli abahambahambayo, batyelela amabandla ukuze baxhase baze babone izinto ekufuneka zenziwe ngabadala basekuhlaleni.

UGary Breaux, ovela kwikomkhulu lehlabathi lamaNgqina kaYehova weza kubona amaxhoba

Emva kweentsuku ezintandathu intlithile inyikima, kwafika iNgqina elivela kwikomkhulu lehlabathi lamaNgqina kaYehova eUnited States, uGary Breaux nomkakhe uRuby. UReuben, ilungu lekomiti ekuthethwe ngayo ngasentla, uthi: “Ngenxa yesiphithiphithi esasiseKathmandu, nendlela abantu ababothuke ngayo, sasingaqinisekanga ukuba uMzalwan’ uBreaux uza kuza. Kodwa wayezimisele ukuza, ibe wafika nyhani! AmaNgqina asekuhlaleni avuya gqitha akufika.”

‘SASONDELELANA KAKHULU KUNAKUQALA’

USilas osebenza kwiofisi yamaNgqina eNepal uthi: “Zathi zakulunga iifowuni zethu, zaqala ukukhala imini nobusuku! Ehlabathini lonke amaNgqina ayekhathazekile ngathi. Nangona amanye ayethetha iilwimi esingazaziyo, sasisiva ukuba ayasithanda kwaye anomdla wokusinceda.”

AmaNgqina aseYurophu anceda kwezonyango anyanga amaxhoba

Iintsuku ezininzi emva kwenyikima, amaNgqina asekuhlaleni ayephathela abantu abalambileyo ababekwiiHolo ZoBukumkani ukutya. Kungekudala kusekwe iKomiti Yokunceda Kwintlekele, kwagaleleka izinto zokunceda, ezininzi zazo zivela eBangladesh, eIndia naseJapan. Emva kweentsuku ezithile, kwafika amaNgqina avela eYurophu eze kunceda kwicala lezonyango, aza amisa indawo yokunyanga kwenye yeeHolo ZoBukumkani. Zange alibazise, angena emsebenzini. Ayengancedi nje amanxeba abo babonzakele kodwa ayebanceda bakwazi ukumelana nentlungu.

Lichaza indlela abaziva ngayo abanye, ibhinqa elungu-Uttara lithi: “Inyikima yayimbi kakhulu futhi isoyikisa. Kodwa emva kwayo sasondela kakhulu kubazalwana noodadewethu kunakuqala.” Loo nyikima ayizange iyehlise indlela amaNgqina amthanda ngayo uYehova nathandana ngayo. Kunoko, yaluqinisa olo thando.