Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

NGABA YADALWA?

Iindlela Ezikhusela Ngazo Elangeni Imbovane YaseSahara

Iindlela Ezikhusela Ngazo Elangeni Imbovane YaseSahara

IMBOVANE yaseSahara enombala ofana nesilivere ebizwa ngokuba yiCataglyphis bombycina sesinye sezilwanyana ezikwaziyo ukumelana nobushushu belanga. Emin’ emaqanda xa ilanga laseSahara eligqats’ ubhobhoyi linyanzela iintshaba eziyizingelayo ukuba zibalekele emithunzini, yona ifumana ithuba lokuphuma emngxunyeni wayo iye kuzifunela ukutya. Izingela nezinambuzane ezibulewe lilanga.

[50] μm

Khawucinge ngoku: Le mbovane izikhusela elangeni ngeenwele ezogqume umzimba wayo phezulu nasemacaleni, kodwa azikho ngaphantsi. Ezi nwele (1, 2), ziyimibhobho emincinane kakhulu ephitheneyo ebangela ukuba ibengezele okwesilivere, (3). Xa uzijonge ngezibonakhulu (microscope), ngaphezulu zifinyene ngoxa ngaphantsi zigudile. Le ndlela zidalwe ngayo iyinceda kwizinto ezimbini le mbovane. Okokuqala, ibangela ukuba iinwele zibengezele kwimitha yelanga. Okwesibini, ibangela ukuba ubushushu bale ntlango bungahlali emzimbeni. Kanti, ngaphantsi, apho kungekho zinwele, umzimba uyakhuseleka kubushushu bemitha yelanga ebetha emhlabeni. *

[10] μm

Indlela ezikhusela ngayo kubushushu le mbovane yaseSahara iyinceda ikwazi ukugcina ubushushu okwaziyo ukumelana nabo umzimba wayo. Ngenxa yesi sidalwa sincinane kangaka, abaphengululi bazama ukwenza izinto eziza kuzipholela ngaphandle koncedo loomatshini bomoya opholileyo.

Ucinga ntoni? Ngaba iindlela ezikhusela ngazo elangeni le mbovane inombala wesilivere yaseSahara zazivelela? Okanye zadalwa?

^ isiqe. 4 Umzimba wayo uneeproteni ezikhethekileyo ezingapheliswa lula lilanga elishushu. Ukanti imilenze yayo emide ibangela ukuba umzimba ube kudana kumhlaba oshushu ize ibaleke ngesantya esiphezulu. Inobuchule ekwazini indlela, nto leyo ebangela ukuba enoba iphi, iyazi endlela emfutshane ebuyela kumngxunya wayo.