Yiya kwinkcazelo

Ngaba IBhayibhile Ingandinceda Xa Ndixinezeleke Engqondweni?

Ngaba IBhayibhile Ingandinceda Xa Ndixinezeleke Engqondweni?

Impendulo yeBhayibhile

Ewe, kuba olona ncedo lubalaseleyo luvela “kuThixo, obathuthuzelayo aze abomeleze yaye abahlaziye abaxinezeleke ingqondo.”—2 Korinte 7:6, The Amplified Bible.

Indlela uThixo abanceda ngayo abo baxinezeleke ingqondo

  • Amandla. UThixo “uya kukuhlaziya akuvuselele,” kungekhona ngokususa zonke iingxaki onazo, kodwa ngokuphendula imithandazo yakho xa umcela ukuba akuphe amandla okumelana nazo. (Filipi 4:13) Qiniseka ukuba uhlala elungele ukuphulaphula, kuba iBhayibhile ithi: “UYehova usondele kwabo baphuke intliziyo; yaye abo bamoya utyumkileyo uyabasindisa.” (INdumiso 34:18) Eneneni, uThixo uyakuva kwanaxa uzama ukucela uncedo qha ungazi ukuba mawuqale phi.—Roma 8:26, 27.

  • Imizekelo emihle. Omnye umbhali weBhayibhile wathandaza kuThixo wathi: “Ndibiza kuwe xa ndiphelelwe lithemba.” Lo mdumisi wathuthuzeleka xa wakhumbulayo ukuba uThixo akabenzi abantu bazive benetyala. Wathi kuThixo: “Ukuba ubugcina iingxelo zezono zethu, ngubani obenokuphepha ukubekwa? Kodwa wena uyasixolela, ukuze simangaliswe.”—INdumiso 130:1, 3, 4, Good News Translation.

  • Ithemba. Nakubeni uThixo esithuthuzela ngoku, uthembise ukuphelisa zonke iingxaki ezibangela ukuxinezeleka kwengqondo. Xa ezalisekisa eso sithembiso, “izinto zangaphambili [eziquka ukuxinezeleka kwengqondo] aziyi kukhunjulwa, zinganyuki zithi qatha entliziyweni.”—Isaya 65:17.

Phawula: Ngoxa amaNgqina kaYehova eqonda ukuba uThixo uyalunikela uncedo, ayaya kwagqirha xa egula kwanaxa exinezelekile engqondweni. (Marko 2:17) Noko ke, asinikeli macebiso ngamayeza afanele asetyenziswe ngabantu; sivakalelwa kukuba umntu ufanele azenzele isiqqibo kwimiba enjalo.