Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 INQAKU ELINGUMXHOLO

Ingcombolo Engaziwayo Ngendalo

Ingcombolo Engaziwayo Ngendalo

IIBHILIYONI zabantu zivile okanye zafunda eBhayibhileni ngokuqala kwendalo. Le ngxelo eyabhalwa kwiminyaka eyi-3 500 eyadlulayo, ithi: “Ekuqaleni uThixo wadala amazulu nomhlaba.”

Noko ke, abantu abaninzi abayiqondi into yokuba abefundisi, kuquka abo bathi bakholelwa kwindalo, baye beza neentsomi eziphume tu kwimfundiso yeBhayibhile yokuba izinto zadalwa. Ezi ntsomi azingqinelani nesayensi. Nangona zingekho eBhayibhileni, zenze abanye abantu abakukholelwa oko kuthethwa yiBhayibhile.

Abantu abaninzi abakwazi oko kanye kanye iBhayibhile ikuthethayo ngendalo. Ilusizi ke loo nto, kuba iBhayibhile isinika inkcazelo esengqiqweni nenokuthenjwa ngendalo. Ngaphezu koko, loo nkcazelo iyangqinelana noko kuye kwafunyaniswa ngoososayensi. Mhlawumbi nawe uya kutsho wothuke xa usiva oko iBhayibhile ikuthethayo ngendalo!

UMDALI ONGADALWANGA

IBhayibhile ifundisa ukuba kukho uMntu Ophakamileyo, uThixo uSomandla, odale zonke izinto. Ungubani, yaye unjani? IBhayibhile ibonisa ukuba wahluke ngokupheleleyo koothixo abanqulwa kwiicawa ezidumileyo. UnguMdali wezinto zonke, kodwa abantu abaninzi abamazi.

  • UThixo ungumntu. Akangomoya ondandayo kwindalo iphela. Uneengcinga, iimvakalelo nenjongo.

  • UThixo unamandla nobulumko obungenasiphelo. Oko kubonakala kwindalo yakhe entsonkothileyo, ingakumbi izinto eziphilayo.

  • UThixo udale zonke izinto ezibonakalayo. Ngenxa yoko, akanakwenziwa ngezinto ezibonakalayo awazidalayo. Ngoko ungumoya ongabonakaliyo.

  • UThixo akanasiqalo. Ebekade ekho ibe uya kuhlala ekho. Kungeso sizathu, le nto engadalwanga.

  • UThixo unegama, elivela izihlandlo ezingamawaka-waka eBhayibhileni. Elo gama nguYehova.

  • UYehova uThixo uyabathanda yaye ubakhathalele abantu.

 UTHIXO UTHATHE IXESHA ELINGAKANANI UKUDALA?

IBhayibhile ithi uThixo wadala “amazulu nomhlaba.” Noko ke, le ngxelo ayibuchazi ubude bexesha alithathileyo ekudaleni okanye indlela adale ngayo. Kuthekani ngenkolelo ethe ndii yokuba uThixo udale ngeentsuku ezintandathu ezineeyure eziyi-24 zokoqobo? Le nkolelo ayichananga, ibe ayixhaswa nangoososayensi. Makhe sibone oko iBhayibhile ikutshoyo.

IBhayibhile ayingqinelani nabantu abakholelwa kwindalo abathi iintsuku zokudala yayiziintsuku nje eziqhelekileyo ezineeyure eziyi-24

  • IBhayibhile ayingqinelani nabantu abakholelwa kwindalo abathi iintsuku zokudala yayiziintsuku nje eziqhelekileyo ezineeyure eziyi-24.

  • Xa ithetha “ngosuku,” iBhayibhile idla ngokubhekisela kumaxesha ahlukahlukeneyo. Maxa wambi la maxesha aba nobude obungachazwanga. Umzekelo woku, yingxelo engendalo ekwincwadi yeGenesis.

  • Kule ngxelo yeBhayibhile, suku ngalunye kwezo zintandathu lusenokuba ngamawaka-waka eminyaka.

  • Kwangaphambi kosuku lokuqala lokudala, zikhona izinto awayesele ezidalile uThixo, kuquka uMhlaba.

  • Kuyabonakala ukuba iintsuku ezintandathu zokudala zazinde ngokwaneleyo ukuba uYehova uThixo alungise umhlaba ukuze abantu bakwazi ukuphila kuwo.

  • Oko sikufunda eBhayibhileni ngendalo akuphikisani noko kuthethwa yisayensi ngeminyaka yokubakho kwendalo.

NGABA UTHIXO WASEBENZISA INDALEKO?

Abantu abaninzi abangayikholelwayo iBhayibhile bathi izinto eziphilayo zazivelela ngenxa yeekhemikhali ezithile. Bathi kusenokwenzeka ukuba ubomi baqala ngentsholongwane enye, yanda yaza yavelisa zonke izinto eziphilayo ezikhoyo. Ngokulula nje, oko bekuya kuthetha ukuba umzimba womntu omangalisayo wavela kwintsholongwane.

Imfundiso yokuzivelela kwezinto iyaxhaswa nangabanye abaninzi abakholelwa ukuba iBhayibhile ililizwi likaThixo. Bakholelwa ukuba uThixo wenza intsholongwane yokuqala emhlabeni waza wayibukela njengoko yayivelisa indalo. Kodwa yona iBhayibhile ayitsho.

Ingxelo eseBhayibhileni yendalo ayiphikisani nesayensi efumanise ukuba kubakho utshintsho olwenzekayo kwizinto ezidaliweyo

  • IBhayibhile ithi uYehova uThixo wadala zonke iintlobo zezityalo nezilwanyana, kunye nendoda nomfazi abafezekileyo ababenengqiqo, uthando, ubulumko nokusesikweni.

  • Nangona lukhona utshintsho kwizilwanyana nezityalo azidalileyo uThixo, kodwa olo tshintsho aluvelisanga iintlobo ezintsha. Kwezinye iimeko olu tshintsho luye lwaba lukhulu ngendlela ephawulekayo.

  • Ingxelo eseBhayibhileni yendalo ayiphikisani nesayensi efumanise ukuba kubakho utshintsho olwenzekayo kwizinto ezidaliweyo.

 UMDALI ESINOKUMAZI NGOKUJONGA INDALO

Ngeminyaka yee-1800 isazi sebhayoloji saseBritani uAlfred Russel Wallace wavumelana noCharles Darwin owayekhuthaza ingcamango yokuba indalo yazivelela. Kodwa lo kaWallace kuthiwa wakha wathi: “Abo banamehlo okubona kunye nabazikisayo ukucinga . . . , kulula ngabo ukubona ukuba kukho uMntu okrelekrele owadala iiseli ezincinci, igazi, umhlaba kunye nayo yonke enye indalo.”

Phantse kumawaka amabini eminyaka ngaphambi kokuba lo kaWallace athethe loo mazwi, iBhayibhile yayisele itshilo ukuthi: “Kuba iimpawu [zikaThixo] ezingabonakaliyo zibonwa ngokucacileyo ukususela ekudalweni kwehlabathi kuse phambili, ngenxa yokuba ziqondeka ngezinto ezenziweyo, kwanamandla angunaphakade nobuThixo bakhe.” (Roma 1:20) Maxa wambi, kuhle ukuba ukhe ucinge ngendlela emangalisa ngayo indalo—ukususela kwizityalo ukusa kwiiplaneti neenkwenkwezi ezisesibhakabhakeni. Ngokuhlolisisa indalo unokubona ukuba ukho uMdali.

Usenokubuza, ‘Kodwa ukuba kukho uThixo onothando odale zonke izinto, kutheni evumela ukuba sibandezeleke? Ngaba akasayihoyanga indalo yakhe esemhlabeni? Liza kuba njani ikamva?’ IBhayibhile inezinye iingxelo ezininzi eziyinyaniso ezingaziwayo ngenxa yokusithwa ziingcamango zabantu neemfundiso zonqulo ezingachananga. Abapapashi bale magazini, abangamaNgqina kaYehova, bangakuvuyela ukukunceda wazi inyaniso eseBhayibhileni uze ufunde okungakumbi ngoMdali nangekamva labantu.