Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

OKUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

UMesiya

UMesiya

IBhayibhile yaxela kwangaphambili ukuba uMesiya wayeza kuza ehlabathini aze ahlangule abantu ekuguleni, ekubandezelekeni nasekufeni. Ngaba uYesu Kristu nguloo mntu?

Babeza kumqonda njani abantu uMesiya?

Ngokutsho kwesiprofeto seBhayibhile, uMesiya okanye uKristu, wayeza kufeza iindima ezimbini ezahlukeneyo, ezaziza kwahlulwa ngamaxesha amade. * Kwindima yakhe yokuqala wayeza kuba ngumntu. Ukuze aqondwe kakuhle, ababhali beBhayibhile baprofeta ngobomi nangobulungiseleli bakhe. Inyaniso kukuba, ‘ukungqinela uYesu’ yeyona njongo iphambili yesiprofeto seBhayibhile.—ISityhilelo 19:10.

Xa wayengumntu emhlabeni, uYesu wasikrobisa nje oko wayeza kukwenza kumhlaba wonke xa esisidalwa somoya esinamandla

OKUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

UMesiya wayeza . . .

UYesu wazizalisekisa zonke ezi ziprofeto nezinye ezingakumbi. Waphilisa abagulayo waza wavusa nabafileyo. Akazange anele nje ukusinika ubungqina obungakumbi bokuba unguMesiya kodwa wasinika isizathu sokuba sibe nokholo kwisithembiso seBhayibhile sokuba ezi zinto uza kuzenza ehlabathini lonke kwixesha elizayo. (Luka 7:21-23; ISityhilelo 21:3, 4) Emva kokuvuswa kwakhe, uYesu wahlala ‘ngasekunene’ kukaThixo, elinde ixesha lokuba agqibe umsebenzi wakhe wokuba nguMesiya.—INdumiso 110:1-6.

“Xa uKristu efika, akayi kwenza miqondiso ingakumbi kunaleyo lo mntu ayenzileyo, akunjalo?”Yohane 7:31.

UMesiya uza kuwufezekisa njani umsebenzi wakhe?

AmaYuda awayephila ngexesha likaYesu ayelindele ukuba uMesiya wayeya kuwakhulula kulawulo lwaseRoma, aze alawule kubukumkani bakwaSirayeli obubuyiselweyo. (IZenzo 1:6) Aqonda mva amaYuda awayengabalandeli bakaYesu ukuba wayeya kuwufeza esezulwini umsebenzi wakhe, sele esisidalwa somoya esinamandla nesinikwe igunya elikhulu.—Mateyu 28:18.

OKUTHETHWA YIBHAYIBHILE

Kumsebenzi wakhe wesibini uMesiya . . .

UYesu wawufeza umsebenzi wakhe wokuqala njengoMesiya. Useza kuwufeza nowesibini. Abalumkileyo ke bafundisisa ngaye, kuba uYesu wathi: “Ndim indlela nenyaniso nobomi.”—Yohane 14:6.

‘Ngomhla wakhe uya kuhluma olilungisa, nobuninzi boxolo ide ingabi sabakho inyanga. Uya kuba nabalawulwa ukusa eziphelweni zehlabathi.’INdumiso 72:7, 8.

^ isiqe. 5 Igama elithi “Mesiya” livela kwisiHebhere. Ngoxa lona elithi “Kristu” lisisiGrike.—Yohane 1:41.

^ isiqe. 7 Isibhalo sokuqala apha sisiprofeto; esesibini, sibe yinzaliseko.