Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Umbuzo 1: Ngaba Ubomi Bam Bunayo Injongo?

Umbuzo 1: Ngaba Ubomi Bam Bunayo Injongo?

UROSALIND, owakhulela eNgilani, wayenxanelwe ulwazi, ibe wayefuna ukunceda nabantu. Emva kokuba egqibe isikolo, wafumana umsebenzi owanelisayo wokunceda abantu abangenamakhaya nabaneziphene. Nangona wayenomsebenzi owanelisayo enezinto azifunayo zobomi, uthi, “Kangangeminyaka bendizibuza ukuba, ‘Kutheni silapha?’ kwaye ‘Iyintoni injongo yobomi?’”

Kutheni ebuza lo mbuzo nje?

Abantu abafani nezilwanyana ezingaqiqiyo. Siyakwazi ukufunda kwizinto zexesha elidlulileyo, ukucebela ikamva nokufuna ukwazi injongo yobomi.

Abanye bathi ithini impendulo?

Abantu abaninzi bacinga ukuba eyona njongo yobomi kukuba sisityebi okanye udume ukuze wonwabe.

Ityhila ntoni loo mpendulo?

Sinezinto ezibalulekileyo ebomini bethu. Iminqweno yethu ibaluleke ngaphezu kokuthanda kukaThixo.

Yintoni efundiswa yiBhayibhile?

UKumkani uSolomon wayesisityebi esingawothiyo umlilo nesisukela ulonwabo kodwa wafumanisa ukuba ezo zinto azimenzi onwabe umntu. Wachaza eyona nto imenza onwabe umntu xa wabhala wathi: “Ukuqosheliswa kombandela, emva kokuba yonk’ into iviwe, naku: Yoyika uThixo oyinyaniso uze ugcine imiyalelo yakhe. Kuba oku kuyimbopheleleko yomntu.” (INtshumayeli 12:13) Kubandakanya ntoni ukugcina imithetho kaThixo?

Inxalenye yenjongo kaThixo ngathi kukuba sinandiphe ubomi. USolomon wabhala: “Akukho nto elunge ngakumbi emntwini kunokuba adle, asele aze enze umphefumlo wakhe ubone okulungileyo ngenxa yokusebenza kwakhe nzima. Kwanako oku ndikubonile mna, ukuba  oku kuvela esandleni soThixo oyinyaniso.”—INtshumayeli 2:24.

UThixo ufuna sithande size sinyamekele iintsapho zethu. Khawuve ukuba uthini kwilungu ngalinye lentsapho.

  • “Amadoda afanele abathande abafazi bawo njengemizimba yawo.”—Efese 5:28.

  • “Umfazi makabe nentlonelo enzulu ngendoda yakhe.”—Efese 5:33.

  • “Bantwana, bathobeleni abazali benu.”—Efese 6:1.

Ukuba siyayisebenzisa le migaqo yeBhayibhile, siyakufumana ulonwabo nolwaneliseko. Eyona nto ibalulekileyo esinokuyenza kukufunda yonke into esinokuyazi ngoMdali wethu size sisondele kuye njengoMhlobo. Eneneni, iBhayibhile iyasimema ukuba ‘sisondele kuThixo.’ Ize yandule yenze esi sithembiso: “Naye uya kusondela kuni.” (Yakobi 4:8) Ukuba uyasamkela esi simemo, ubomi bakho buya kuba nenjongo.

URosalind, ocatshulwe ngaphambilana, uvakalelwa kukuba ngoku uyifumene injongo yobomi. Ungafunda ngento eyatshintsha indlela acinga ngayo kwinqaku elithi “IBhayibhile Iyabutshintsha Ubomi Babantu”.