Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 Sondela KuThixo

“Yintoni Ayibizayo Kuwe UYehova?”

“Yintoni Ayibizayo Kuwe UYehova?”

YINTONI uYehova ayilindeleyo kwabo bafuna ukumnqula ngendlela eyamkelekileyo? Ngaba ufuna izinto zenziwe ngokugqibeleleyo, nto leyo eyenza kube nzima ngabantu abangafezekanga ukumanelisa? Okanye ulindele ukuba senze ngokwamandla ethu? Ukufumana iimpendulo kule mibuzo kubaluleke gqitha ukuba sifuna ukonwaba njengoko sinqula uThixo. Makhe sihlolisise izinto ezachazwa ngumprofeti uMika ezifunwa nguThixo xa simnqula.—Funda uMika 6:8.

“Ukuxelele . . . okulungileyo.” Akuyomfuneko ukuba siyiqikelele into uThixo ayilindeleyo kuthi. Usixelele ngokucacileyo eBhayibhileni oko akufunayo. UThixo ufuna senze “okulungileyo.” Ibingenakuba yenye indlela. “UThixo uluthando,” ngenxa yoko uyasicingela. (1 Yohane 4:8; 5:3) Ukwenza izinto azifunayo akwaneli nje ukumkholisa kodwa nathi siyazuza.—Duteronomi 10:12, 13.

“Yintoni ayibizayo kuwe uYehova?” Ngaba uYehova unalo ilungelo lokufuna ukuba simenzele nantoni na? Ewe, unalo! Simele simthobele ekubeni enguMthombo noMgcini wobomi. (INdumiso 36:9) Ngoko ke, yintoni afuna simenzele yona? UMika ukushwankathela ngeenkalo ezintathu oko kufunwa nguYehova kuthi. Ngokuyintloko, ezimbini zokuqala kwezi nkalo zinento yokwenza nendlela esiphatha ngayo abanye abantu yaye eyesithathu inento yokwenza nolwalamano lwethu noThixo.

‘Qhelisela okusesikweni.’ Ngokutsho kwenye imbekiselo, igama elithi “okusesikweni,” ngesiHebhere “lithetha ukwenza ubulungisa nokubaphatha kakuhle abanye abantu.” UThixo ufuna sibaphathe kakuhle abanye sisebenzisa imilinganiselo yakhe. Sibonisa ubulungisa ngokungabi namkhethe, sithi tye yaye sinyaniseke xa siqhubana nabanye. (Levitikus 19:15; Isaya 1:17; Hebhere 13:18) Xa sibaphatha kakuhle abanye, nabo baza kusiphatha kakuhle.—Mateyu 7:12.

‘Ukuthanda ububele.’ UThixo akafuni siphelele nje ekulubonakaliseni olu phawu kodwa ufuna siluthande. Igama lesiHebhere elithi “ububele” (che′sedh) lisenokubhekisela “kububele bothando” okanye “uthando olunyanisekileyo.” Omnye umphengululi weBhayibhile uthi: “Amagama athi uthando, inceba okanye ububele aguqulelwe ngokusuka kweli gama lesiHebhere [uche′sedh]; kodwa alibhekiseli kulo ngalinye lawo kodwa kuwo onke edibene.” Xa sinobubele, siyonwaba xa sinceda abantu. Ngenxa yoko, sifumana ulonwabo olufumaneka ngokupha.—IZenzo 20:35.

‘Ukuthozama ekuhambeni noThixo wakho.’ EBhayibhileni, igama elithi “ukuhamba” lithetha “ukulandela ikhondo elithile.” Sihamba noThixo ngokulandela ikhondo alichaze eBhayibhileni. Kufuneka ‘sithozame’ xa sihamba noThixo. Njani? Xa sithozamile phambi kukaThixo, siyayazi indawo yethu nokusikelwa kwethu umda. Ngoko ke, “ukuhamba ngokuthozama naye” kuthetha ukuzazi kakuhle izinto azifunayo nezinto esinokuzenza.

Okuvuyisayo kukuba, uYehova akaze afune izinto ezingaphaya kwamandla ethu. Uyakholiswa xa simkhonza ngokwamandla ethu. (Kolose 3:23) Uyakuqonda ukusikelwa kwethu umda. (INdumiso 103:14) Xa sizenza izinto uThixo azifunayo, siye sonwabe njengoko sihamba naye. Kutheni ungafundi ngendlela onokuhamba ngayo noThixo? Ukuba uyakwenza oko uya kukusikelela.—IMizekeliso 10:22.

Izibhalo onokuzifunda ngoNovemba:

Yoweli 1-3Mika 1-7