Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Ubusazi?

Ngaba Ubusazi?

Yayiluhlobo olunjani lweentsiba zokubhala neinki ezazisetyenziswa ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile?

Iintsiba zokubhala zasEyiputa ezenziwe ngengcongolo, malunga nenku-lungwane yokuqala yexesha eliqhelekileyo

Kumqukumbelo weeleta zakhe ezintathu eBhayibhileni, umpostile uYohane wabhala: “Bendinezinto ezininzi zokukubhalela, kodwa andinqweneli kuqhubeka ndikubhalela ngeinki nosiba.” Amagama antlandlolo esiGrike asetyenziswa nguYohane abonisa ukuba wayengafuni ukubhala “ngeinki emnyama nangengcongolo.”—3 Yohane 13, The Kingdom Interlinear Translation of the Greek Scriptures.

Usiba lombhali lwalusenziwa ngengcongolo ebaziweyo. Yayitshezwa ibe tsolo kwelinye icala. Umbhali wayenokumana eyilola ngelitye elirhabaxa. Le ngcongolo yayifana nosiba lwezi mini olunencam yesinyithi.

I-inki, yayisenziwa ngomxube womsizi nentlaka. Lo mxube wawuthengiswa ungumgubo, uze umane uxutywa namanzi xa kubhalwa. Xa kubhalwa ngayo yayisoma ize ingaphumeli kwelinye icala. Yiloo nto, umbhali wayenokuzilungisa ngokulula iimpazamo ngokuthi azicime ngesiponji esifumileyo, esasiyinxalenye yezinto zokubhala awayezisebenzisa. Le ngxelo iphathelele i-inki yamandulo ibonisa oko kunokuba kwakucingwa ngababhali beBhayibhile xa babethetha ngokucinywa kwamagama, encwadini kaThixo yenkumbulo.—Eksodus 32:32, 33; ISityhilelo 3:5. iKingdom Interlinear.

Zazinjani iintente ezazisenziwa ngumpostile uPawulos?

Izixhobo zokuthunga zenkulungwane yokuqala okanye eyesibini kwixesha eliqhelekileyo

IZenzo 18:3 zithi umpostile uPawulos wayekwazi ukwenza iintente. Ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile, abenzi beentente babephotha uboya beenkamela okanye obebhokhwe ukuze benze imicu. Le micu babeye bayidibanise ngokuyithunga baze benze ngayo amalaphu eentente zabahambi. Kodwa ke ubukhul’ becala ngeloo xesha iintente zazisenziwa ngesikhumba. Ezinye zazisenziwa ngelinen, eyayifumaneka eTarso idolophu yakuloPawulos. Kusenokwenzeka ukuba uPawulos wayezisebenzisa zonke ezi ndidi zamalaphu kuquka nesikhumba. Ngoxa wayesebenza noAkwila, mhlawumbi uPawulos wayesenza izigqubuthelo zokukhusela izindlu kwilanga esebenzisa ilinen.

Umele ukuba uPawulos wawufunda lo msebenzi eselula ngeminyaka. Ubungqina obubhalwe kumpapiri waseYiputa bubonisa ukuba ngexesha lokulawulwa kweYiputa ngamaRoma abantwana babeqala beseneminyaka eli-13 ubudala ukufunda ngomsebenzi. Ukuba uPawulos waqala ekuloo minyaka ukwenza iintente, kumele ukuba xa wayekwisithuba seminyaka eli-15 okanye eli-16 ubudala wayesele engumpondo zihlanjiwe ekuwenzeni lo msebenzi. Incwadi iThe Social Context of Paul’s Ministry ithi: “Ukugqiba kwakhe ukufunda uPawulos kunokwenzeka ukuba wanikwa izixhobo zakhe zokusebenza. Kwakufuneka nje iimela neenyatyhoba ukuze enze iintente yaye kwakulula ukuziphatha kuba wayewenza lo msebenzi engahlelanga ndawonye.” UPawulos wayexhaswa ngulo msebenzi njengoko wayengumthunywa wevangeli.