Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile

Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile

Ngaba zonke iinkonzo ziyamthobela uThixo?

Xa ubuphulaphule iindaba, uye waqaphela ukuba unqulo luyasetyenziswa nakwizenzo ezimdaka. Ayizizo zonke iinkonzo ezinqula uThixo oyinyaniso. (Mateyu 7:15) Enyanisweni, uninzi lwabantu sele lukhohlisiwe kakade.—Funda eyoku-1 kaYohane 5:19.

Noko ke uThixo uyababona abantu ababuthandayo ubulungisa nenyaniso. (Yohane 4:23) UThixo umema abo bantu ukuba bafunde inyaniso eseLizwini lakhe iBhayibhile.—Funda eyoku-1 kuTimoti 2:3-5.

Ungalubona njani unqulo lokwenene?

UYehova uThixo umanyanisa abantu abasuka kwiinkonzo ezingafaniyo ngokubafundisa inyaniso nokuthandana. (Mika 4:2, 3) Ngoko, unokubazi abanquli bokwenyaniso kuphela ngokujonga indlela abathandana ngayo.—Funda uYohane 13:35.

UYehova uThixo umanyanisa abantu abasuka kwiinkonzo ezingafaniyo ngokubafundisa inyaniso nokuthandana.—INdumiso 133:1

Abanquli bokwenyaniso banokholo yaye benza izinto ngokuvumelana neBhayibhile. (2 Timoti 3:16) Bayalihlonela negama likaThixo. (INdumiso 83:18) Bakholelwa nokuba uBukumkani bukaThixo bulelona themba labantu. (Daniyeli 2:44) Baxelisa uYesu ngokuba ‘lukhanyiselo’ nangokwenza okuhle ebantwini. (Mateyu 5:16) Ngoko ke, amaKristu okwenyaniso anokubonwa ngokutyelela abamelwane bawo emakhayeni ukuze abelane nabo ngeendaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo.—Funda uMateyu 24:14; IZenzo 5:42; 20:20.