Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELINGUMXHOLO | NGABA UTHIXO UNOMDLA KUWE

UThixo Unokukuthuthuzela

UThixo Unokukuthuthuzela

“UThixo, obathuthuzelayo abo badakumbileyo, wasithuthuzela.”—2 KORINTE 7:6.

‘UNyana kaThixo wandithanda waza wazinikela ngenxa yam.’—GALATI 2:20

ISIZATHU SOKUBA ABANYE BENGAKUKHOLELWA OKO: Abanye abantu nakuba besiva ubunzima, baye bonqene ukucela uncedo kuThixo kuba becinga ukuba bazizikade kuThixo, nokuba akanakubanceda. URaquel olibhinqa uthi: “Xa ndibona iingxaki abanye abantu abanazo, ezam ziye zibonakale ziyimfeketho ndize ndibe madolw’ anzima ukucel’ uncedo kuThixo.”

OKUFUNDISWA LILIZWI LIKATHIXO: UThixo ubesoloko ebanceda yaye ebathuthuzela abantu. Wonke umntu emhlabeni unesono esibangela ukuba angakwazi ukwenza ukuthanda kukaThixo ngokugqibeleleyo. Nakuba kunjalo, uThixo ‘wasithanda waza wathumela uNyana wakhe uYesu Kristu njengombingelelo wokucamagushela izono zethu.’ (1 Yohane 4:10) Ngokufa kukaYesu okuyintlawulelo, uThixo wenze sakwazi ukuxolelwa izono zethu, saba nesazela esimsulwa, sanalo nethemba lobomi obungunaphakade kwihlabathi elinoxolo. * Ngaba loo ntlawulelo ayibonisi ukuba uThixo unomdla kumntu ngamnye?

Makhe sithethe ngompostile uPawulos. Wachukunyiswa kakhulu yintlawulelo kaYesu wade wabhala wathi: ‘Ndiphila ngokholo kuNyana kaThixo, owandithandayo waza wazinikela ngenxa yam.’ (Galati 2:20) UYesu wafa ngaphambi kokuba uPawulos abe ngumKristu. Nakuba kunjalo, uPawulos wayijonga intlawulelo njengesipho esikhethekileyo uThixo amphe sona.

Intlawulelo engokufa kukaYesu isisipho esikhethekileyo uThixo akupha sona nawe. Esi sipho sibonisa indlela oxabiseke ngayo kuThixo. Sinokukunika “intuthuzelo engunaphakade nethemba elilungileyo,” size ‘sikuqinise kuso sonke isenzo esilungileyo nelizwi.’—2 Tesalonika 2:16, 17.

UYesu wanikela ngobomi bakhe kwiminyaka eyi-2 000 eyadlulayo. Bubuphi ubungqina kule mihla obubonisa ukuba uThixo ufuna ukuba nobuhlobo nathi?

^ isiqe. 5 Funda ngakumbi ngentlawulelo kaYesu, kwisahluko 5 sencwadi ethi, Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? epapashwe ngamaNgqina kaYehova.