Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELINGUMXHOLO | NGABA UTHIXO UNOMDLA KUWE

UThixo Uyayiqonda Indlela Oyiyo

UThixo Uyayiqonda Indlela Oyiyo

“Owu Yehova, undigocagocile, yaye uyandazi.”—INDUMISO 139:1.

“Amehlo akho andibona ndiseyimbumba.”—INDUMISO 139:16

ISIZATHU SOKUBA ABANYE BENGAKUKHOLELWA OKO: Abantu abaninzi bakholelwa ukuba uThixo usibona njengaboni kuphela—abantu abangahlambulukanga nangenaxesha labo. UKendra owayedandathekile wayeziva enetyala kakhulu kuba engakwazi ukwenza ngokugqibeleleyo oko uThixo akufunayo. Ngenxa yoko wathi: “Ndiyekile ukuthandaza.”

OKUFUNDISWA LILIZWI LIKATHIXO: UYehova ujonga ngaphaya kokungafezeki kwethu yaye uyayiqonda indlela esivakalelwa ngayo. IBhayibhile ithi: “Uyakwazi ukuyilwa kwethu, ekhumbula ukuba siluthuli.” Ngaphezu koko, “Akenzanga kuthi kanye ngokwezono zethu,” kodwa ngenceba uyasixolela xa siguquka.—INdumiso 103:10, 14.

Makhe sithethe ngoDavide, ukumkani wakwaSirayeli ekuthethwe ngaye kwinqaku lokuqala. UDavide wathandaza wathi kuThixo: “Amehlo akho andibona ndiseyimbumba, yaye zonke iinxalenye zam zazibhalwe phantsi encwadini yakho . . . Ndigocagoce, Thixo, uze uyazi intliziyo yam.” (INdumiso 139:16, 23) UDavide, wayeqinisekile ukuba nangona wayekhe wamona ngokunzulu uYehova, kodwa wayemthembile ukuba uyayibona intliziyo yakhe eguqukileyo.

UYehova uyiqonda indlela ovakalelwa ngayo ukodlula nawuphi na umntu. IBhayibhile ithi: “Umntu nje ubona okubonakalayo emehlweni; kodwa uYehova yena, ubona oko ikuko intliziyo.” (1 Samuweli 16:7) UThixo ukwazi ukusuka nokuhlala nento ebangela ukuba izinto uzenze ngendlela ethile. Wazi imfuza, indlela okhule ngayo ubuntu bakho izinto ezikwenza ube ngulo mntu unguye. Nangona uzenza iimpazamo, uyayibona imizamo oyenzayo yokwenza izinto ngendlela entle yaye ukuxabisa kakhulu oko.

Kodwa uThixo ulusebenzisa njani olu lwazi ukuze akuthuthuzele?