Yiya kwinkcazelo

Yintoni Ukuxolela?

Yintoni Ukuxolela?

Impendulo esuka eBhayibhileni

Ukuxolela sisenzo sokuxolela umntu okucaphukisayo. EBhayibhileni igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “ukuxolela” lithetha “ukuyeka into idlule,” njengomntu onganyanzelisiyo ukuba ahlawulwe ityala. UYesu wasebenzisa lo mzekelo xa wayefundisa abalandeli bakhe ukuthandaza, wathi: “Sixolele izono zethu, kuba nathi siyabaxolela bonke abanamatyala kuthi.” (Luka 11:4) Ngokufanayo, kumzekeliso wakhe wekhoboka elingenanceba, uYesu wafanisa ukuxolela nokucima ityala.—Mateyu 18:23-35.

Sixolela abanye xa siyeka ukuba nenzondo size silibale nantoni na enokusenza sibazonde ngenxa yento abasenze yona. Ngenxa yokuba uthando ‘lungenanzondo’ iBhayibhile ifundisa ukuba uthando olusuka entliziyweni lubangela ukuba sixolele.—1 Korinte 13:4, 5.

Oko kungathethwa kukuxolela

  • Ukukhuthaza isono. IBhayibhile iyabagweba abo bathi ukwenza isono akuyongozi okanye kwamkelekile.—Isaya 5:20.

  • Ukwenza ngathi awonanga. UThixo wazixolela izono ezinzulu zikaKumkani uDavide, kodwa akazange amkhusele kwimiphumo yezenzo zakhe. UThixo wade wazibhala phantsi izono zikaDavide ukuze zikhunjulwe nanamhlanje.—2 Samuweli 12:9-13.

  • Ukuvumela abanye bakuqhathe. Masithi uboleka umntu imali, kodwa uyayisafaza aze angakwazi ukubuyisa njengoko ebethembisile. Uxolisa ngokungazenzisiyo. Unokukhetha ukumxolela ngokungafukami nzondo, ngokuyeka ukuthetha ngale nto kuye, uze mhlawumbi ucime nelo tyala. Noko ke, unokude ukhethe nokungaphindi umboleke imali.—INdumiso 37:21; IMizekeliso 14:15; 22:3; Galati 6:7.

  • Ukuxolela ngaphandle kwesizathu. UThixo akabaxoleli abantu abone ngabom, abenza isono ngenxa yenkohlakalo kunye nabangafuniyo ukwamkela iimpazamo, batshintshe iindlela zabo, baze baxolise kwabo babonileyo. (IMizekeliso 28:13; IZenzo 26:20; Hebhere 10:26) Aba bantu bangaguqukiyo baba ziintshaba zikaThixo, ibe akafuni ukuba sibaxolele abantu angabaxolelanga.—INdumiso 139:21, 22.

    Kuthekani ukuba ulixhoba lokuphathwa kakubi ngumntu ongafuniyo ukuxolisa okanye amkele into ayenzileyo? Icebiso leBhayibhile lithi: “Wuyeke umsindo uyishiye ingqumbo.” (INdumiso 37:8) Njengoko ungasinyamezeli isono, unokungavumi ukuba ligqabi ngumsindo. Mthembe uThixo ukuba uya kumphendulisa loo mntu. (Hebhere 10:30, 31) Unokuthuthuzeleka kukwazi ukuba uThixo uza kuzisa ixesha apho ungasayi kuva ntlungu okanye ukhathazeke.—Isaya 65:17; ISityhilelo 21:4.

  • “Ukuxolela” nayiphi na intlekisa. Ngamanye amaxesha, endaweni yokuxolela umntu osonileyo, kusenokufuneka siyamkele into yokuba besingekho isizathu sokuba side sikhathazeke kwasekuqaleni. IBhayibhile ithi: “Musa ukukhawuleza ukucaphuka ngomoya wakho, kuba ukucaphuka kuhlala esifubeni sabaziziyatha.”—INtshumayeli 7:9.

Indlela yokuxolela

  1. Khumbula ukuba ukuxolela kuquka ntoni. Awukhuthazi sono okanye wenze ngathi akwenzekanga nto—kunoko uyeka into idlule.

  2. Ziqonde iingenelo zokuxolela. Ukungacaphuki nokungabi nanzondo kungakunceda uzole, kuphucule impilo yakho, kuze kukwenze wonwabe. (IMizekeliso 14:30; Mateyu 5:9) Okubaluleke ngakumbi kukuba ukuxolela abanye kuya kubangela ukuba uThixo axolele nezakho izono.—Mateyu 6:14, 15.

  3. Yiba novelwano. Sonke asifezekanga. (Yakobi 3:2) Njengoko sikuxabisa ukuxolelwa, nathi sifanele sibaxolele abanye.—Mateyu 7:12.

  4. Yiba nengqiqo. Xa sinesikhalazo esithile, sinokusebenzisa icebiso leBhayibhile elithi: “Qhubekani ninyamezelana.”—Kolose 3:13.

  5. Khawuleza wenze okuthile. Xolela ngokukhawuleza kunozivumela ukuba wonganyelwe ngumsindo.—Efese 4:26, 27.