Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Njengosomashishini ocela unobhala ukuba ambhalele, noThixo wasebenzisa abantu abathembekileyo ukuba babhale incwadi yakhe

Indlela UMdali Asixelela Ngayo Ngezinto Ezintle Asithembisa Zona

Indlela UMdali Asixelela Ngayo Ngezinto Ezintle Asithembisa Zona

Emva kokuba edale abantu, uMdali wethu wathetha nabo esebenzisa iingelosi nabaprofeti. Emva koko, izinto awazithethayo nawazithembisayo wathi mazibhalwe. UThixo uthembisa ukuba singonwaba kwixesha elizayo. Kengoku, singazifumana phi ezi zithembiso zikaThixo namhlanje?

Incwadi Esuka KuThixo inezinto azithembisayo nazithethayo. (2 Timoti 3:16) UThixo wabasebenzisa njani abaprofeti ukuze babhale umyalezo wakhe? (2 Petros 1:21) UThixo wenza ababhali beLizwi Lakhe baneengcinga zakhe, baza bona bazibhala phantsi. Nanamhlanje iyenzeka into efana nale. Ukuze uyiqonde kakuhle le nto, masenze umzekelo ngosomashishini. Xa usomashishini ecela unobhala ukuba ambhalele ileta, akuye kuthiwe loo leta isuka kunobhala, kodwa kuye kuthiwe isuka kusomashishini. Ngokufanayo, nangona uThixo esebenzise abantu ukuba babhale umyalezo wakhe, nguye oyena Mbhali ‘weNcwadi Esuka KuThixo.’

IFUMANEKA KUYO YONKE INDAWO INCWADI ESUKA KUTHIXO

Incwadi Esuka KuThixo ibaluleke kakhulu kangangokuba ufuna bonke abantu bayifunde baze bayiqonde kakuhle. Namhlanje, “iindaba ezilungileyo eziza kuhlala ngonaphakade” zifumaneka kuzo zonke “iintlanga, izizwe, neelwimi.” (ISityhilelo 14:6) Ngenxa yokuba uThixo eyisikelele incwadi yakhe, ifumaneka ngeelwimi ezingaphezu kweziyi-3 000, ibe ayikho enye incwadi efumaneka ngeelwimi ezininzi kangaka emhlabeni.