Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ungakwazi ukunceda abantu kungakhathaliseki ukuba baneminyaka emingaphi, basuka kweliphi ilizwe, okanye bakhonza phi

Baza Kusikelelwa Abantu Abanceda Abo Badingayo

Baza Kusikelelwa Abantu Abanceda Abo Badingayo

Emhlabeni wonke, abantu abaninzi badinga ukutya neendawo zokuhlala. Kanti abanye badinga nje ukwazi ukuba izinto ziseza kuba bhetele. UThixo ufuna sibancede abantu abadingayo, ibe xa sisenza loo nto uza kusisikelela.

ITHINI INCWADI EVELA KUTHIXO?

“Umntu omphatha kakuhle osweleyo uboleka uYehova, ibe uza kumhlawula ngaloo nto.”—IMIZEKELISO 19:17.

KUTHETHA UKUTHINI UKUNCEDA UMNTU ODINGAYO?

UYesu wabalisa ngendoda eyahlaselwa ngootsotsi baza bayishiya sele iza kusweleka. (Luka 10:29-37) Kwathi gqi umntu ongayaziyo, kodwa wayinceda le ndoda yonzakeleyo, nangona yayingumntu wolunye uhlanga.

Lo mntu unobubele wayinika uncedo lokuqala, wayinceda ngezinto eziphathekayo, waza wayithuthuzela.

Sifunda ntoni kweli bali? UYesu wayesifundisa ukuba nathi sifanele sizame ngandlela zonke ukunceda abantu abadingayo. (IMizekeliso 3:27) Incwadi Evela KuThixo isibonisa ukuba uThixo sele eza kukuphelisa ukulamba nokuhlupheka. Kodwa inoba siyazibuza, uThixo uza kuyenza nini le nto ibe njani? Inqaku elilandelayo liza kuthetha ngezinto ezintle aza kukwenzela zona uMdali wakho okuthandayo.