Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UThixo Onothando Angakunceda Aze Akukhusele Ngonaphakade

UThixo Onothando Angakunceda Aze Akukhusele Ngonaphakade
  • Ngaba ungathanda ukuhlala emhlabeni ongenamfazwe, ongenazingxabano, nobudlobongela?

  • Ngaba uthi akwaba bezingenzeki izinto ezibuhlungu, kungagulwa, kungafiwa?

  • Ngaba udiniwe kukukhathazeka nokuba nexhala?

  • Ngaba ungathanda ukuhlala kwindawo apho zingekhoyo iintlekele zemvelo?

UThixo wethu onothando, uMdali womhlaba omhle esihlala kuwo, uthembisa ukuba uza kwenza abantu baphile ngoxolo baze bonwabe ngonaphakade. Asilophupha njee eli, uza kuzenza ezi zinto.

Kula manqaku alandelayo, sicela ujonge:

  • Indlela uMdali wethu asithanda ngayo

  • Izinto uThixo asibhalele zona

  • Izinto ezintle abaprofeti ababesithi uThixo uyazenza, nezo athembisa ukuzenza

  • Indlela uThixo angasinceda ngayo sonwabe ngoku, nakwixesha elizayo

Masiqale ngokujonga zonke izinto uThixo asenzela zona, ezibonisa ukuba uyasithanda.