Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Sifunda NgoThixo Kubaprofeti Bakhe

Sifunda NgoThixo Kubaprofeti Bakhe

Kudala, uThixo wanika abaprofeti bakhe imiyalezo ebalulekileyo eyayisiya ebantwini. Ngaba le miyalezo ingasinceda sisikelelwe nguThixo? Ewe ingasinceda. Makhe sibone ukuba sinokufunda ntoni kubaprofeti bakhe abathathu.

UABRAHAM

UThixo akakhethi ibe ufuna ukusikelela bonke abantu.

UThixo wathembisa umprofeti uAbraham wathi, “zonke iintsapho zasemhlabeni ziza kusikelelwa ngenxa yakho.”​—Genesis 12:3.

Sifunda ntoni? UThixo usithanda kakhulu ibe ufuna ukusikelela zonke iintsapho​—amadoda, abafazi, nabantwana​—bonke abo bamthobelayo.

UMOSES

UThixo unenceba ibe uyabasikelela abantu abafuna ukumazi.

USomandla wanika umprofeti uMoses amandla okwenza imimangaliso emikhulu. Kodwa uMoses wathandaza wathi: “Ndicela undixelele iindlela zakho, ukuze ndikwazi ndize ndiqhubeke ndithandeka emehlweni akho.” (Eksodus 33:13) UThixo wavuya kakhulu xa esiva uMoses emcela le nto, waza wamsikelela ngokumnceda azi izinto ezininzi aze aqonde iindlela zakhe, nobuntu bakhe. Ngokomzekelo, uMoses wafunda ukuba uMdali nguThixo “onenceba novelwano.”​—Eksodus 34:6, 7.

Sifunda ntoni? UThixo ufuna ukusikelela wonke umntu ofuna ukumazi kakuhle​—amadoda, abafazi nabantwana. KwiNcwadi Evela KuThixo, sixelelwa indlela esinokumkhonza ngayo uThixo, nokuba ufuna ukusinceda nokusisikelela.

UYESU

UYesu wayephilisa zonke iintlobo zezifo

Singasikelelwa nguThixo ngonaphakade xa sinokufunda ngoYesu, ngezinto awazenzayo nawazifundisayo.

ILizwi likaThixo lisifundisa izinto ezininzi ngobomi bukaYesu nezinto awazifundisayo. UThixo wanika uYesu amandla okwenza imimangaliso efana nokuphilisa abantu abangaboniyo, abangevayo, nabantu abaqhwalelayo. Wavusa nabantu abaswelekileyo. Ngokwenza ezi zinto, uYesu wayebonisa izinto ezintle uThixo aza kuzenza ebantwini. Wachaza into abantu abafanele bayenze ukuze babekho xa uThixo esenza zonke ezi zinto zintle. Wathi: “Ukuze abantu bafumane ubomi obungunaphakade, kufuneka bakwazi kakuhle wena okuphela koThixo wokwenene, nalowo umthumileyo, uYesu Kristu.”​—Yohane 17:3.

UYesu wayenobubele novelwano. Amadoda nabafazi, abantwana nabantu abadala baya kuye kuba wabamema esithi: ‘Fundani kum, kuba ndizolile, ndithobekile, ibe niza kuhlaziyeka.’ (Mateyu 11:29) Ngokungafaniyo nabanye abantu ababebaphatha kakubi abafazi ngexesha lakhe, uYesu wayenobubele ibe ebahlonipha abafazi.

Sifunda ntoni? UYesu wayebathanda nyhani abantu. Wasimisela umzekelo wendlela esifanele sibaphathe ngayo abanye.

UYESU AKANGOTHIXO

Incwadi Evela KuThixo isifundisa ukuba “kukho uThixo omnye,” onguMdali womhlaba wonke, nokuba uYesu wayengumthunywa othobekileyo kaThixo. (1 Korinte 8:6) UYesu wayenza yacaca into yokuba uThixo mkhulu kunaye nokuba wayethunywe nguThixo apha emhlabeni.​—Yohane 11:41, 42; 14:28. *

^ isiqe. 17 Xa ufuna ukufunda ezinye izinto ngoYesu Kristu, jonga isifundo 8 no-9 sencwadi ethi Real Faith​—Your Key to a Happy Life. Iyafumaneka ku-jw.org.