Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 Isahluko Sesithoba

Ngaba Siphila ‘Kwimihla Yokugqibela’?

Ngaba Siphila ‘Kwimihla Yokugqibela’?
  • Ziziphi iziganeko zexesha lethu ezazixelwe kwangaphambili eBhayibhileni?

  • ILizwi likaThixo lithi abantu baza kuba njani “ngemihla yokugqibela”?

  • Ziziphi izinto ezintle iBhayibhile ethi ziza kwenzeka “ngemihla yokugqibela”?

1. Sinokulufumana phi ulwazi ngekamva?

NGABA wakha wathi ubukele iindaba kumabonwakude wazibuza ukuba, ‘Liza kuphelela phi eli hlabathi?’ Izigigaba ezothusayo zenzeka ngequbuliso, kangangokuba akukho mntu ulaziyo ingomso. (Yakobi 4:14) Kodwa yena uYehova uyalazi ikamva. (Isaya 46:10) ILizwi lakhe iBhayibhile kudala lachaza ngezinto ezimbi ezenzekayo namhlanje, kwanangezinto ezimangalisayo eziza kwenzeka kungekudala.

2, 3. Abafundi bambuza wuphi umbuzo uYesu, yaye waphendula wathini?

2 UYesu Kristu wathetha ngoBukumkani bukaThixo, obuza kuphelisa ubungendawo buze benze umhlaba ube yiparadesi. (Luka 4:43) Abantu babefuna ukwazi ukuba babuza kufika nini na obo Bukumkani. Kangangokuba abafundi bakaYesu bambuza bathi: “Uya kuba yintoni na umqondiso wobukho bakho nowokupheliswa kwenkqubo yezinto?” (Mateyu 24:3) UYesu wabaphendula ngokuthi nguYehova uThixo kuphela owayelazi ixesha esiya kufika ngalo isiphelo sale nkqubo yezinto. (Mateyu 24:36) Kodwa uYesu wabaxelela izinto ezaziza kwenzeka emhlabeni ngaphambi nje kokuba  uBukumkani buzise uxolo nonqabiseko lokwenene eluntwini. Oko wayebaxelele kona kuyenzeka ngoku!

3 Ngaphambi kokuba sihlolisise ubungqina bokuba siphila kwixesha ‘lokupheliswa kwenkqubo yezinto,’ makhe sihlolisise ngokufutshane imfazwe eyayingabonakali emehlweni abantu. Yaliwa kummandla womoya ongabonakaliyo, kodwa iyasichaphazela nathi.

IMFAZWE EZULWINI

4, 5. (a) Kwenzeka ntoni ezulwini kamsinya nje emva kokumiselwa kukaYesu njengoKumkani? (b) Ngokutsho kweSityhilelo 12:12, ube yintoni umphumo wemfazwe yasezulwini?

4 Isahluko esingaphambi kwesi sichazile ukuba uYesu Kristu waba nguKumkani ezulwini ngonyaka we-1914. (Daniyeli 7:13, 14) Akuba nje eqalise ukulawula, uYesu wathabatha inyathelo. IBhayibhile ithi: “Kwabakho imfazwe ezulwini: UMikayeli [okanye uYesu] neengelosi zakhe balwa idabi nenamba [uSathana uMtyholi], yazilwela nayo inamba kunye neengelosi zayo.” * USathana neengelosi zakhe ezingendawo, ezibizwa ngokuba ziidemon, boyiswa kuloo mfazwe baza bagxothwa ezulwini baphoswa emhlabeni. Bavuya gqitha oonyana bomoya abathembekileyo bakaThixo kuba uSathana needemon zakhe begxothiwe. Noko ke, bona abantu abazange bavuye. Kunoko, iBhayibhile ithi: “Yeha kuwo umhlaba . . . ngenxa yokuba uhlile weza kuni uMtyholi, enomsindo omkhulu, esazi ukuba ixesha analo lifutshane.”—ISityhilelo 12:7, 9, 12.

5 Phawula ukuba ube yintoni umphumo waloo mfazwe yasezulwini. Ngomsindo uSathana uye wabazisela uyeha, okanye iinkathazo, abantu abasemhlabeni. Njengoko uza kubona, siphila kwelo xesha likayeha namhlanje. Kodwa ke iya kuba ‘lixesha nje elifutshane.’ NoSathana uyakwazi oko.  IBhayibhile ilichaza eli xesha ngokuba ‘yimihla yokugqibela.’ (2 Timoti 3:1) Isivuyisa gqitha into yokuba uThixo eza kumbhangisa kamsinya angabikho uMtyholi emhlabeni! Makhe sihlolisise ezinye zezinto ezichazwe eBhayibhileni ezenzekayo namhlanje. Ezi zinto zingqina ukuba siphila kwimihla yokugqibela yaye kungekudala uBukumkani bukaThixo buza kubazisela iintsikelelo zikanaphakade abo bamthandayo uYehova. Okokuqala, masihlolisise iinkalo ezine zomqondiso uYesu awathi uza kubonakala kwixesha lethu.

IZIGANEKO ZEMIHLA YOKUGQIBELA

6, 7. Azaliseka njani namhlanje amazwi kaYesu athetha ngeemfazwe nokunqongophala kokutya?

6 “Uhlanga luya kuvukelana nohlanga nobukumkani buvukelane nobukumkani.” (Mateyu 24:7) Kukho izigidi ngezigidi zabantu abaye babulawa ziimfazwe eziye zaliwa kwinkulungwane edlulileyo. Omnye umbhali-mbali waseBritani wathi: “Inkulungwane yama-20 yeyona ibulele abantu abaninzi kuyo yonke imbali. . . . Ibiyinkulungwane enodederhu lweemfazwe, ngaphandle kwesiqabu nje esifutshane apha naphaya.” Ingxelo yombutho oyiWorldwatch Institute ithi: “Liphindaphindeke kathathu inani labantu ababe ngamaxhoba emfazwe ngenkulungwane [yama-20] xa lithelekiswa namaxhoba  azo zonke iimfazwe ukususela kwinkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo ukusa kunyaka we-1899.” Bangaphezu kwezigidi ezili-100 abantu abaye babulawa ziimfazwe ukususela ngowe-1914. Mhlawumbi uyayazi intlungu yokubulawa komntu omnye omthandayo emfazweni, kodwa cinga nje ngentlungu engathethekiyo yokubulawa kwezigidi zabantu.

7 “Kuya kubakho ukunqongophala kokutya.” (Mateyu 24:7) Abaphengululi bathi imveliso yokutya iye yanda kakhulu ebudeni bama-30 eminyaka edlulileyo. Sekunjalo, ukutya kusanqongophele ngenxa yokuba abantu abaninzi abanamali yaneleyo yokukuthenga, yaye abanawo nomhlaba wokukulima. Izigidi zabantu zibhuqwa yindlala. Umbutho iWorld Health Organization uthi bangaphezu kwezigidi ezihlanu abantwana ababulawa yindlala nyaka ngamnye.

8, 9. Yintoni ebonisa ukuba iziprofeto zikaYesu eziphathelele iinyikima zomhlaba neendyikitya zokufa zizalisekile?

8 “Kuya kubakho iinyikima zomhlaba ezinkulu.” (Luka 21:11) Ngokohlolisiso oluye lwenziwa ngumbutho iGeological Survey waseUnited States, nyaka ngamnye kulindeleke iinyikima ezinkulu ezimalunga ne-19 yaye zonakalisa umhlaba kwanezakhiwo. Yaye kuye kwabakho umlinganiselo wenyikima enye enkulu nyaka ngamnye  etshabalalisa izakhiwo idale nomonakalo omkhulu. Iingxelo zibonisa ukuba ukususela ngowe-1900, iinyikima zibulele abantu abangaphezu kwezigidi ezibini. Enye incwadi ithi: “Uphuculo olwenziweyo kwezobugcisa alulinciphisanga kangako inani labantu ababulawa zizo.”

9 “Kuya kubakho . . . neendyikitya zokufa.” (Luka 21:11) Nangona kukho inkqubela kwezonyango, izifo ezidala nezitsha zisaqhubeka zihlasela uluntu. Enye ingxelo ithi izifo eziqhelekileyo ezingama-20—eziquka isifo sephepha, imalariya nekholera—zigqugqisa ngakumbi kwiminyaka yakutshanje, yaye ezinye zazo kuya kusiba nzima ngakumbi ukuzinyanga. Kanti kukho nezinye izifo ezitsha ezingaphezu kwama-30 eziye zavela. Ezinye zazo azinyangeki yaye ziyabulala.

ABANTU BEMIHLA YOKUGQIBELA

10. Luluphi uhlobo lwabantu oluchazwe kweyesi-2 kuTimoti 3:1-5 olubonayo namhlanje?

10 Ngaphandle nje kweziganeko ezithile ezenzekayo ehlabathini, iBhayibhile ithi enye into ebonakala ngayo imihla yokugqibela lutshintsho olwenzekayo ebantwini. Umpostile uPawulos uyaluchaza olu tshintsho. Uthi kweyesi-2 kuTimoti 3:1-5: “Ngemihla yokugqibela kuya kufika amaxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo.”  Nalu uhlobo lwabantu uPawulos athi luya kubakho ngemihla yokugqibela

  • Abazithandayo

  • Abathandi bemali

  • Abangathobeli bazali

  • Abanganyanisekanga

  • Abangenalo uthando

  • Abangenakuzeyisa

  • Iindlobongela

  • Abathandi beziyolo kunokuba bathande uThixo

  • Benembonakalo yozinikelo lobuthixo kodwa bengaphili ngokuvisisana nalo

11. INdumiso 92:7 ikuchaza njani oko kuza kwenzeka kubantu abangendawo?

11 Ngaba lukho olu hlobo lwabantu kwindawo ohlala kuyo? Ngokuqinisekileyo lukho. Bakho kuyo yonke indawo abantu abanezi mpawu zimbi. Oku kubonisa ukuba kungekudala uThixo uza kuthabatha inyathelo, kuba iBhayibhile ithi: “Ekuhlumeni kwabo bangendawo njengotyani nabo bonke abo baqhelisela okwenzakalisayo betyatyamba, oko kukuze babhujiswe ngonaphakade.”—INdumiso 92:7.

IZIGANEKO EZIHLE!

12, 13. “Ulwazi lokwenyaniso” luye lwaba luninzi njani kweli “xesha lesiphelo”?

12 Liyinyaniso elokuba imihla yokugqibela  izaliswe ngooyeha, kanye njengokuba iBhayibhile itshilo. Noko ke, phakathi kwezi meko zimbi zehlabathi, kukho iziganeko ezihle ezenzekayo kubanquli bakaYehova.

13 “Ulwazi lokwenyaniso luya kuba luninzi,” itsho njalo incwadi yeBhayibhile kaDaniyeli. Kwakuza kwenzeka nini oko? Ebudeni ‘bexesha lesiphelo.’ (Daniyeli 12:4) Ingakumbi ukususela ngowe-1914, uYehova uye wabanceda ukuba bayiqonde ngakumbi iBhayibhile abo bakufuna ngokunyanisekileyo ukumkhonza. Baye bayiqonda ngakumbi inyaniso exabisekileyo ephathelele igama likaThixo neenjongo zakhe, nephathelele idini lentlawulelo likaYesu Kristu, imeko yabafileyo, kwanovuko. Ngaphezu koko, abanquli bakaYehova baye bafunda ukuphila ubomi babo ngendlela eyingenelo kubo nezisa uzuko egameni lakhe. Kwakhona baye bakuqonda ngakumbi oko kufezwa buBukumkani bukaThixo nendlela obuza kuyilungisa ngayo imeko yasemhlabeni. Benza ntoni ngolu lwazi? Lo mbuzo usikhokelela kwesinye isiprofeto esizalisekayo kule mihla yokugqibela.

“Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba.”Mateyu 24:14

14. Kwande kangakanani ukushunyayelwa kweendaba zilungileyo zoBukumkani namhlanje, yaye zishunyayelwa ngoobani?

14 “Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba,” watsho njalo uYesu Kristu kwisiprofeto sakhe esiphathelele ‘ukupheliswa kwale nkqubo yezinto.’ (Mateyu 24:3, 14) Emhlabeni wonke, iindaba ezilungileyo zoBukumkani—eziphathelele oko bukuko uBukumkani, oko buza kukwenza, nendlela esinokuzifumana ngayo iintsikelelo zabo—zishunyayelwa kumazwe angaphezu kwama-230 ngeelwimi ezingaphezu kwama-400. Izigidi zamaNgqina kaYehova zizishumayela ngenzondelelo iindaba ezilungileyo zoBukumkani. Ziphuma “kuzo zonke iintlanga nezizwe nezizwana neelwimi.” (ISityhilelo 7:9) AmaNgqina aqhuba izifundo zeBhayibhile zamakhaya zesisa, efundisa izigidi zabantu abafuna ukwazi oko ngokwenene kufundiswa yiBhayibhile. Imangalisa ngokwenene indlela esizaliseka ngayo esi siprofeto, ingakumbi ekubeni uYesu wayethe amaKristu okwenyaniso aya “kuthiywa ngabantu bonke”!—Luka 21:17.

 UZA KWENZA NTONI?

15. (a) Ngaba uyakholelwa ukuba siphila kwimihla yokugqibela, yaye ngoba? (b) “Ukuphela” kuya kuthetha ntoni kwabo bachasa uYehova nakwabo bazithobayo kulawulo loBukumkani bukaThixo?

15 Ekubeni iziprofeto zeBhayibhile ezininzi zizaliseka namhlanje, akuvumi na ukuba siphila kwimihla yokugqibela? Emva kokuba iindaba ezilungileyo zishunyayelwe ngomlinganiselo uYehova afuna ngawo, ngokuqinisekileyo “ukuphela” kuza kufika. (Mateyu 24:14) “Ukuphela” kuthetha ixesha lokubhangisa kukaThixo ubungendawo emhlabeni. UYehova uza kusebenzisa uYesu neengelosi ezinamandla, ekutshabalaliseni bonke abo bamchasa ngabom. (2 Tesalonika 1:6-9) USathana needemon zakhe abasayi kuphinda bakhohlise iintlanga. Emva koko, uBukumkani bukaThixo buza kuzisa iintsikelelo ezingathethekiyo kubo bonke abo bazithobayo kulawulo lwabo lobulungisa.—ISityhilelo 20:1-3; 21:3-5.

16. Yintoni ekuya kuba bubulumko ukuyenza?

16 Ekubeni isiphelo sale nkqubo kaSathana sisondele, sifanele sizibuze ukuba, ‘Ndifanele ndenze ntoni?’ Kububulumko ukuqhubeka ufunda ngakumbi ngoYehova noko afuna sikwenze. (Yohane 17:3) Yifunde ngokuzimisela iBhayibhile. Ziqhelise ukunxulumana rhoqo nabo bazimisele ukwenza ukuthanda kukaYehova. (Hebhere 10:24, 25) Ngenisa ulwazi oluyintabalala uYehova uThixo aye walwenza lwafumaneka kubantu bonke abasemhlabeni, uze wenze utshintsho olufunekayo ebomini bakho ukuze uThixo akholiswe nguwe.—Yakobi 4:8.

17. Kutheni ukutshatyalaliswa kwabangendawo kuza kubazuma nje abantu abaninzi?

17 UYesu wayexele kwangaphambili ukuba inkoliso yabantu ayiyi kuyikhathalela into yokuba siphila kwimihla yokugqibela. Abantu abanjalo abangendawo baza kutshatyalaliswa ngequbuliso. Loo ntshabalalo iya kubazuma njengesela ebusuku. (1 Tesalonika 5:2) UYesu walumkisa wathi: “Kuba kanye njengokuba yayinjalo imihla kaNowa, buya kuba njalo ubukho boNyana womntu. Kuba njengokuba babenjalo ngaloo mihla  yangaphambi komkhukula, besidla, besela, amadoda etshata namabhinqa etshatiswa, de kwaba yimini awangena ngayo uNowa emkhombeni; kwaye abazange banikele ngqalelo de wafika umkhukula waza wabatshayela bonke, nobukho boNyana womntu buya kuba njalo.”—Mateyu 24:37-39.

18. Sisiphi isilumkiso sikaYesu esifanele sisithobele ngokunyanisekileyo?

18 Ngenxa yoko, uYesu wathi kwabo babemphulaphule: “Zilumkeleni ukuba iintliziyo zenu zingaze zisindwe kukuzingxala ngokutya nokusela kakhulu nangamaxhala obomi, ize ngequbuliso loo mini inifikele ngephanyazo njengomgibe. Kuba iya kubazela bonke abahleliyo phezu kobuso bawo wonke umhlaba. Hlalani niphaphile, ngoko, lonke ixesha nisenza isikhungo ukuze niphumelele ekubalekeni zonke ezi zinto zimiselwe ukubakho, nasekumeni [namkelekile] phambi koNyana womntu.” (Luka 21:34-36) Kububulumko ukuwathobela ngokunyanisekileyo la mazwi kaYesu. Ngoba? Ngenxa yokuba abo bamkelekayo kuYehova uThixo ‘nakuNyana womntu,’ uYesu Kristu, banethemba lokusinda ekuphelisweni kwale nkqubo yezinto kaSathana, baze baphile ngonaphakade kwihlabathi elitsha elimangalisayo elikufuphi kakhulu ngoku!—Yohane 3:16; 2 Petros 3:13.

^ isiqe. 4 Ukuze ufumane inkcazelo ebonisa ukuba uMikayeli lelinye igama likaYesu Kristu, bona iSihlomelo, kwiphepha 218-19.