Yiya kwinkcazelo

Ngaba UThixo Wenza Izinto Ezahlukahlukeneyo Eziphilayo Zazivelela?

Ngaba UThixo Wenza Izinto Ezahlukahlukeneyo Eziphilayo Zazivelela?

Impendulo esuka eBhayibhileni

 Hayi. IBhayibhile ibonisa kakuhle ukuba uThixo wadala abantu ‘neentlobo’ ezahlukeneyo zezilwanyana nezityalo. a (Genesis 1:12, 21, 25, 27; ISityhilelo 4:11) Ithi bonke abantu basuka kuAdam noEva, abazali bethu bokuqala. (Genesis 3:20; 4:1) IBhayibhile ayiyixhasi into yokuba uThixo wenza uhlobo olunye lwezinto eziphilayo lwavelisa iintlobo ezahlukahlukeneyo zezinto eziphilayo. Kodwa ayiphikisani noososayensi abathi uhlobo olunye lwezinto eziphilayo luyakwazi ukuvelisa izinto ezahlukahlukeneyo zohlobo lwazo.

 Ngaba uThixo wenza izinto zazivelela?

 Abantu abathi uThixo wenza izinto zazivelela abavumelani ngendlela awayenza ngayo le nto. IEncyclopædia Britannica, ibonisa ukuba abanye bakholelwa ukuba “uThixo ulawula indalo ngokwenza izilwanyana ezingenamandla zife, kusinde ezomeleleyo zize zitshintshe ngokwendawo nendlela eziphila ngayo.”

 Nazi ezinye izinto abazikholelwayo:

  •   Zonke iintlobo zezinto eziphilayo zisuka kuhlobo olunye lwezinto ezaziphila kwiminyaka emininzi kakhulu eyadlulayo.

  •   Uhlobo olunye lwento ephilayo lunokuvela lube lolunye uhlobo lwento eyahlukileyo.

  •   Ikhona indlela uThixo afaka isandla ngayo kwindlela eyenzeka ngayo le nto yokuzivelela kwezinto.

 Ngaba imfundiso yokuba izinto zazivelela iyavumelana neBhayibhile?

 Imfundiso yokuba uThixo wenze izinto zazivelela iyaphikisana noko kuthethwa yiBhayibhile kwiGenesis ngokudalwa kwezinto eziphilayo. Kodwa xa uYesu wayethetha ngeGenesis wabonisa ukuba ithetha inyani. (Genesis 1:26, 27; 2:18-24; Mateyu 19:4-6) IBhayibhile ithi ngaphambi kokuba uYesu eze emhlabeni wayehlala noThixo ezulwini, emncedisa ekudaleni “zonke izinto.” (Yohane 1:3) Ngoko ke, imfundiso yokuba uThixo wenze iintlobo zezinto eziphilayo zazivelela ayivumelani nento efundiswa yiBhayibhile.

 Kuthiwani ngokutshintsha kwezityalo nezilwanyana?

 IBhayibhile ayichazi ukuba uhlobo lwento ephilayo lunokutshintsha ukuya kufikelela phi. Ayiyiphikisi nento yokuba iintlobo zezilwanyana nezityalo ezidalwe nguThixo zinokutshintsha xa zikhula okanye zitshintshe ngenxa yendawo entsha ezikuyo. Nangona abanye besithi le nto kukuzivelela kwezinto, ukutshintsha kwezi zilwanyana okanye izityalo akuthethi ukuba kubakho iintlobo ezintsha ezivelayo.

a Amaxesha amaninzi, oososayensi badla ngokuthi kukho ‘uhlobo’ olutsha lwento ephilayo oluziveleleyo, kanti kutshintshe nje uhlobo olunye obelusele lukhona, njengokuba isitsho iGenesis.