Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Baqala Njani Ubomi?

Baqala Njani Ubomi?

Ungaphendula uthini?

UBOMI . . .

  1. BAZIVELELA

  2. BADALWA

 Abanye abantu basenokucinga ukuba abantu abakholelwa kwisayensi bangathi ubomi “bazivelela” baze abakhonzayo bathi “badalwa.”

 Kodwa akusoloko kunjalo.

 Abantu abaninzi abafundileyo, kuquka noososayensi bayakuthandabuza ukuzivelela kwezinto.

 Khawucinge into ethethwa nguprofesa uGerard ofunde ngezinambuzane uthi: “Xa ndibhala iimviwo, kuze kubuzwe ngokuba izinto zazivelela na, ndiye ndibanike le mpendulo bayifunayo kodwa mna ndibe ndingayikholelwa lo nto.”

 Kutheni abantu abakholelwa kwisayensi bekuthandandabuza ukuzivelela kwezinto, njengendlela obaqala ngayo ubomi? Ukuze ufumane impendulo yalo mbuzo, cinga ngale mibuzo mibini ixake abaphandi abaninzi; (1) Baqala njani ubomi? (2) Zivele njani izinto eziphilayo?

Baqala Njani Ubomi?

 BATHINI ABANYE ABANTU. Ubomi bavela ngokungalindelekanga kwizinto ezingaphiliyo.

 ISIZATHU SOKUBA ABANYE ABANTU INGABONELISI NJE LO MPENDULO. Oososayensi nangona ngoku beyazi kakhulu indlela imichiza ebizwa ngokuba zimoletyhuli ezisebenza ngayo, kodwa abakakwazi ukubuchaza ngokuqinisekileyo indlela obaqala ngayo ubomi. Kukho umahluko omkhulu phakathi kwezinto ezingaphiliyo neziphilayo.

 Oososayensi banokubuqikelela nje ukuba babunjani ubomi kwibhiliyoni zeminyaka eyadlulayo. Bathetha izinto ezahlukahlukeneyo ngendlela obaqala ngayo ubomi, abanye bacinga ukuba bavela kwintaba-mlilo okanye ngaphantsi kwamanzi. Ukanti abanye bakholelwa ukuba kwadityaniswa izinto ezahlukahlukeneyo ukuze kuqale ubomi. Kodwa ke yonke lo nto ayisiphenduli ukuba ubomi bavela njani, kunoko isixelela nje ukuba ikhona indawo obaqala kuyo.

 Oososayensi bathi kusenokwenzeka kukho iimoletyhuli ezenza kubekho inkcazelo yeDNA njengoba sisazi namhlanje. Ezi moletyhuli zivela ngokungalindelekanga zize ziziphindaphinde. Ukanti isayensi ayikabinabo ubungqina bokuba zazikhe zabakho ezimoletyhuli, noososayensi nabo abakwazi ukuzenza.

 Izinto eziphilayo zahlukile ngokwendlela ezizenza ngazo izinto nangendlela eziyigcina ngayo inkcazelo. Iiseli zona zifumana zize zidlulise inkcazelo eziyifumana kwiDNA. Abanye oososayensi bafanisa inkcazelo yeDNA kunye neeapp zekhompyutha baze bafanise indlela ezenziwe ngayo iiseli, nezixhobo zekhompyutha. Kodwa ukuzivelela kwezinto akukwazi ukuyicacisa indlela esebenza ngayo iDNA.

 Imichiza yeproteyini ibalulekile ukuze iiseli zisebenze. Ibe zineamino acids ezininzi ezidityaniswe ngendlela ekhethekileyo. Ukongezelela koko le michiza yeproteyini kufuneka iphindaphindeke kathathu ukuze isebenze. Abanye oososayensi bagqiba ngelithi ambalwa kakhulu amathuba okuba ezimoletyhuli zivele zizivelele. Usosayensi uPaul Davies uthi: “Ekubeni iseli idinga iiproteyini ezininzi ukuze isebenze, asinakukwazi ukuthi ubomi obunjalo bazivelela.”

 UKUQUKUMBELA. Emva kweminyaka emininzi kuphandwa kuwo wonke amasebe ezesayensi kodwa inyaniso yeyokuba ikhona indawo obusuka kuyo ubomi.

Zivele Njani Izinto Eziphilayo?

 ABANYE ABANTU BATHI. Kwaqala kwabakho into enye ephilayo, yaze yona yanda yavelisa ezinye izinto ezininzi ezahlukahlukeneyo eziphilayo, kuquka nabantu.

 ISIZATHU SOKUBA ABANYE ABANTU INGABONELISI NJE LO MPENDULO. Ezinye iiseli zinezinto ezininzi kunezinye. Enye imbekiselo ithi: “Indlela iiseli ezincinci ezitshintsha ngayo zibe ziiseli ezinkulu yinto yesibini engaqondakaliyo ukuba kuthiwa izinto zazivelela ukuze kubekho izinto eziphilayo.”

 Oososayensi bafumanise ukuba kwiseli nganye kukho izinto ezincinci ezithi xa zidityanisiwe zenze imisebenzi emikhulu. Ezo zinto yimichiza yeproteyini. Umsebenzi wazo kukutshintsha izakha-mzimba zibe ngamandla zize zizihambise emzimbeni. Zilungisa neendawo ezimoshakeleyo kwiiseli, ziphinde zazise nomzimba into eyenzekayo. Ngaba ezi seli zingenza imisebenzi ebaluleke kangaka kanti zavela ngokuzenzekelayo? Abantu abaninzi bayatsho ukuba kunzima ukuyikholelwa lo nto.

 Izilwanyana nabantu bavela eqandeni. Ngaphakathi kweli qanda iiseli ziye ziphindaphindane zize zenze amalungu omzimba awohlukahlukeneyo. Kodwa ke kona ukuzivelela kwezinto akukwazi ukucacisa eziseli ukuba zazi njani ukuba zifanele zibe ndawoni okanye zibe leliphi ilungu lomzimba.

 Oososayensi bayabona ngoku ukuba ukuze kuvele uhlobo oluthile lwesilwanyana kolunye, kufuneka kubekho utshintsho kwiimoletyhuli ezikwiseli. Ekubeni oososayensi besohlulwa kukucacisa kwaukuba iseli enye ivela njani, ngoko ngaba simele siyikholelwe ke ngoku into yokuba izilwanyana ezahlukahlukeneyo zazivelela? Uprofesa wesayensi uMichael Behe uthi: “Uphando olwenziweyo ngendlela emangalisayo izilwanyana ezenziwe ngayo lubonisa ukuba lento akunakuba yazenzekela.”

 Abantu banesazela, bayakwazi nokuqonda indlela abayiyo. Izinto ezenzekayo bayakwazi nokucinga ngazo baze baziqonde, futhi bayakwazi ukubonisa iimpawu ezifana nokupha, ukuzincama, nokwazi into elungileyo nembi. Ukuzivelela kwezinto akukwazi ukucacisa ukuba kwenzeka njani ukuze abantu babe nezimpawu.

 UKUQUKUMBELA. Nangona abanye abantu besithi ayinakuphikiswa into yokuba izinto zazivelela, into yokuba ubomi bazivelela ngendlela obaqala ngayo nangendlela obuyiyo namhlanje ayibenzi baxole abantu.

Eyona Nto Sifanele Siyicinge

 Abantu abaninzi emva kokubona ubungqina, bayavuma ukuba ukhona umntu okrelekrele owadala ubomi. Khawucinge nje ngoAntony Flew owayenguprofesa, owayekholelwa ukuba akekho uThixo. Emva kokuba efunde ngezinto ezimangalisayo nezinkulu ngobomi nangezinto ezibangela umhlaba uzinze, uprofesa Flew waye watshintsha indlela awayecinga ngayo. Wabhala amazwi omntu owayefundisa kudala athi: “Xa sibona ubungqina simele sibamkele nokuba buphikisana nento ebesiyicinga.” UProfesa Flew wayebona ukuba ubungqina buthi ukhona uMdali.

 NoGerard ebesithethe ngaye ekuqaleni naye wacinga into efanayo. Nangona wayefunde gqithi ngabantu, izilwanyana nangomhlaba, ibe ukuphanda ngazo ingumsebenzi wakhe, wathi: “Zange ndifumane bungqina bokuba izinto eziphilayo zavele zazivelela kwinto engaphiliyo. Indlela izinto eziphilayo ezizenza ngayo izinto yandiqinisekisa ukuba kukho umntu onguMdali nowayezilungelelanisa.”

 Njengokuba nomntu enokukwazi ukufunda ngomzobi xa ehlolisisa izinto azizobileyo, noGerard wafunda ngeempawu zoMdali womhlaba ngokufunda indlela umhlaba owenziwe ngayo. Wazipha ixesha lokufundisisa incwadi yoMdali, iBhayibhile. (2 Timoti 3:16) Wafumana iimpendulo zemibuzo awayekade enayo ngendlela ubomi obaqala ngayo nangendlela yokulungisa iingxaki abantu abanazo namhlanje. Naye watsho waqiniseka ukuba iBhayibhile yincwadi yomntu okleva nyhani.

 Iimpendulo zeBhayibhile kubalulekile ukuba sicingisise ngazo njengoba noGerard wenzayo. Nawe khawuzifundele.